Umsebenzi Wabathunywa 23:8-22 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kaloku bona abaSadusi bathi abantu abayi kuvuka ekufeni, bakwathi akukho zithunywa zezulu, akukho namimoya, kodwa abaFarasi bona bayakholelewa kwezi zinto zontathu.

9. Kwathi ke kwakuba njalo, kwaxokozela, abanye babachazi-mthetho beqela labaFarasi baphakama bekhalaza besithi: “Thina asifumani nto ingalunganga kule ndoda! Mhlawumbi ngenene umoya othile okanye isithunywa sezulu sithethile nayo.”

10. Ingxoxo leyo yakhula kangangokuba ingqwayi-ngqwayi yaba sexhaleni lokuba uPawulos bosuka bamthi qwenge-qwenge. Ngoko ke yayalela ukuba amajoni amthathe uPawulos apho entlanganisweni, aye naye enqabeni yomkhosi.

11. Ngobo busuku iNkosi yema ngakuPawulos, yathi: “Qina! Njengokuba undingqine apha eJerusalem nje, kufuneka wenze kwaloo nto naseRoma.”

12. Ngentsasa elandelayo amaJuda adibana enza iyelenqe. Azibopha ngesifungo sokuba angatyi angaseli engambulalanga uPawulos.

13. Ayengaphezu kwamashumi amane kweli yelenqe.

14. Aza ke aya kubabingeleli abaziintloko nakubadala athi: “Sizibophe ngesifungo, saye sizimisele ukuba singafaki nto phantsi kwempumlo singekambulali uPawulos.

15. Nina ke *neBhunga thumelani kumphathi-mkhosi wamaRoma ukuba azise uPawulos kuni, nenze ngathi nisafuna ukuncina inyaniso ngaye. Thina ke soba sesilungile, simhlasele simbulale engekafiki kuni.”

16. Kodwa weva ngeli yelenqe unyana wodade boPawulos, waza ke waya kungena enqabeni yamajoni, wamxelela ngalo uPawulos.

17. UPawulos ubize umphathi-butho, wathi kuye: “Yisa lo mfana kwingqwayi-ngqwayi. Kukho into afuna ukuyixelela yona.”

18. Umphathi-butho wamthatha wamsa kwingqwayi-ngqwayi, wafika wathi: “Ndibizwe ngumbanjwa uPawulos, wathi mandize nalo mfana kuwe, kuba kukho into aza kukuxelela yona.”

19. Ingqwayi-ngqwayi imbambe ngesandla umfana lowo, yamtsalela bucala, yambuza isithi: “Uze kundixelela ntoni?”

20. Uthe umfana: “Iziphathamandla zamaJuda zivumelene ukuba zikucele ngomso, ukhe uthumele uPawulos eBhungeni, zisenza ngathi kukho indawo ebalulekileyo elifuna ukuyiqonda kuye iBhunga.

21. Kodwa uze ungavumi ukuyiva loo nto, ngoba kukho amadoda angaphezu kwamashumi amane alalele uPawulos endleleni. Afungile ukuba akayi kutya, engayi kusela, ade ambulale. Nangoku selelungile, elindele ukuba uvume.”

22. Ithe ingqwayi-ngqwayi: “Uzungayithethi mntwini into yokuba undixelele ngeli yelenqe.” Yaza yamndulula umfana lowo.

Umsebenzi Wabathunywa 23