1. UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu.
2. Wenza okukubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lemikhuba emasikizi yezo zizwe wazigxothayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.
3. Iindawo eziphakamileyo zonqulo ezazidilizwe nguyise uHezekiya yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela ooBhali amaqonga, wenza neentsika zika-Ashera. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi, ezinqula.
4. Wakha amaqonga endlwini kaNdikhoyo, nangona uNdikhoyo wayethe: “Igama lam ndolimisa eJerusalem ngonaphakade.”
5. Kuzo zombini iinkundla zendlu kaNdikhoyo wakhela iinkwenkwezi amaqonga.
6. Oonyana bakhe ncam wabafaka emlilweni, esenza idini ngabo kwintili kaBhen-hinom. Wayethe phithi yimilingo, ukuvumisa, nobugqwirha, ehamba kumagqirha noosiyazi. Wayegqithisile ukwenza ububi emehlweni kaNdikhoyo, emqumbisa.
7. Wathatha umfanekiso oqingqiweyo awayewenzile, wawufaka endlwini kaThixo; ukanti ke uThixo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli.
8. Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, ayithobela yonke imithetho nemimiselo kwanemiqathango endayikhupha ngoMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.”
9. Kambe ke yena uManase wamlahlekisa uJuda nabantu baseJerusalem, ngangokuba bade babalasele ekwenzeni ububi kunezo zizwe wazitshabalalisayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.
10. UNdikhoyo wathetha noManase nabantu bakhe, kodwa zange bakhathale.
11. Ngoko ke uNdikhoyo wabazisela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wokumkani waseAsiriya, owafika wamthimba uManase walibanjwa, wamqhoga impumlo, wambopha ngamakhamandela obhedu, wamsa eBhabheli.
12. Kuloo nkxwaleko ke uManase wazicengezela kuNdikhoyo uThixo wakhe, wazithoba warhuqa phantsi phambi koThixo wooyise.
13. Akuthandaza ke, uNdikhoyo wachukumiseka sisikhungo sakhe, wakuphulaphula ukuzibika kwakhe; ngoko ke wambuyisela embusweni wakhe eJerusalem. Watsho waqonda ke uManase ukuba uNdikhoyo nguThixo.
14. Emva koko ke walwakha udonga olungaphandle lwesixeko sikaDavide, kwintshona yomthombo waseGihon entilini, wada wee xhaxhe ngeSango leeNtlanzi, wayijikeleza induli yeOfeli, kananjalo ke waluphakamisa. Wamisa iingqwayi-ngqwayi zomkhosi kuzo zonke izixeko zakwaJuda ezinqatyisiweyo.
15. Wazisusa izithixo zasemzini, kunye nomfanekiso owawusendlwini kaNdikhoyo, kananjalo nawo onke amaqonga awayewakhe kwinduli yendlu kaThixo eJerusalem; xa zizonke ezo zinto wazikhuphela ngaphandle kwesixeko.