Uyoshuwa 11:4-21 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ezo kumkani zeza nemikhosi yazo yonke, inyambalala yamajoni esith' ilanga, ekwanjalo namahashe neenqwelo ubuninzi.

5. Zahlanganisa imikhosi yazo ezo kumkani, zaya kugxumeka iintente ngakumlanjana iMerom, zilungele ukulwa namaSirayeli.

6. *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uzungaboyiki wena. Ngeli xesha ngomso ndoba sendiwancedile amaSirayeli ukubabulala bonke. Kufuneka amahashe abo niwatshece imisipha, nezo nqwelo zabo nizintumeke umlilo.”

7. Nanko ke uYoshuwa nomkhosi wakhe wonke eyiqubula loo mikhosi ngakuloo mlanjana iMerom.

8. Wayinikela ezandleni zabo loo mikhosi uNdikhoyo, bayoyisa, bayisukela ukuya kutsho emantla eMisefoti-mayim naseSidon enkulu, kwaya kutsho entshonalanga kuloo ntili yaseMizpa. Babatyakatya kwada akwabikho namnye useleyo.

9. Ngokomyalelo kaNdikhoyo uYoshuwa wawatsheca imisipha loo mahashe abo, watshisa nezo nqwelo zabo.

10. Wajika apho uYoshuwa, waya kuthimba iHazore, wayibulala nekumkani yalapho. (Ngaloo mihla iHazore yayisesona sikumkani siyinjinga kwezo zalapho.)

11. Kwabulawa wonke umntu apho, akwasinda namnye, neso sixeko satshatyalaliswa ngomlilo.

12. Wazithimba zonke ezo zixeko ezinookumkani uYoshuwa, ebulala wonke umntu kwanokumkani, kanye njengoko wayeyalelwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.

13. Kambe ke akazange azitshise amaSirayeli izixeko ezazakhiwe ezindulini; yaba yiHazore yodwa awathi uYoshuwa mayitshiswe.

14. AmaSirayeli emka nawo amaxhoba nemfuyo yezo zixeko. Ababulala bonke abantu, akashiya namnye.

15. Kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis, waza uMosis yena wayigqithisela kuYoshuwa loo miyalelo, ke yena uYoshuwa wayithobela. Wenza konke okwayalelwa nguNdikhoyo kuMosis.

16. UYoshuwa wawuthimba wonke loo mhlaba: eleenduli, amazantsi eentaba ngasemantla nangasemazantsi, wonke ummandla waseGoshen, nentlango esezantsi, kwakunye naloo ntili yeJordan.

19. YiGibheyon qha isixeko esanqophisana namaSirayeli. Kulapho ayehlala khona amaHivi. Zonke ezinye izixeko zoyiswa edabini.

20. *UNdikhoyo wazinika isibindi sokulwa namaSirayeli, khon' ukuze zitshatyalaliswe ziphele tu kungekho lusizi. Yayingumyalelo kaNdikhoyo lowo kuMosis.

21. Ngelo xesha uYoshuwa waya kutshabalalisa ama-Anaki ahlala kweleenduli eHebron, eDebhiri, eAnabhi, nakuzo zonke iinduli zakwaJuda nakwaSirayeli. Wawatshabalalisa kunye nezixeko zawo zonke uYoshuwa.

Uyoshuwa 11