Unehemiya 9:21-32 Ibhayibhile (XHO96)

21. Iminyaka yaba ngamashumi amane,wena ubalondolozile kuloo ntlango.Ewe, zange baswele lutho:izivatho zabo zange ziguge;azidumbanga neenyawo zabo.

22. “Wabanikela izizwe nezikumkani,wababela nezo zisekudeni,suka bawuthatha umhlaba kaSihon,bawuthatha umhlaba kaOgi ukumkani waseBhashan.

23. Wena wayandisa inzala yabo, yanjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni,waza wabangenisa kwelo lizwe wawuthe mabangene kulo balithabathe ooyise-mkhulu.

24. Ewe, oonyana babo bangena kulo, balithabatha laza lalelabo.Waboyisela amaKanana awayemi kwelo lizwe;wawanikela kubo amaKanana, ndawonye nezikumkani zawo,nezo ntlanga zaloo mhlaba, ukuze benz' unothanda kuzo.

25. Bahlasela izixeko ezinqatyisiweyo,bayithatha imihlaba yendyebo.Ewe, bazithimba nezindlu ezazizele ngooni nooni,oomaqula selembiwe kade,oozidiliya noozinquma,ooziqhamo ngendlu yazo.Ewe, batya bathi mpu,batsho baba ngabondlekileyo,bexhamla ukulunga kwakho.

26. “Kodwa bathelela ngentswela-mbeko,suka bavukelana nawe,umthetho wakho bawufulathela.Ewe, bababulala *abashumayeli bakho,nditsho abo babebaluleka, bezama ukubabuyisela kuwe,benza izinto ezimanyumnyezi.

27. Waza ke wena wabanikezela ezintshabeniezasuka zabaphatha kabuhlungu.Bathe bekuloo ngcinezelo ke,suka bahlahlamba bazibika kuwe.Ke wena weva usezulwini,waza ke ngaloo mfobe yakhowabathi jize ngabahlanguli,ke bona babakhulula ezintshabeni.

28. “Bathe ke bakuphumla,basuka baphindela ebubini.Suka ke wena wabalahla,wabanikela ezintshabeni zabo,zaza ke zona zabalawula.Baphindile ke bazibika kuwe,waza weva wena usezulwiniyaphindelela imfobe yakho,ubahlangula umhla nezolo.

29. Ke wena wabatyityimbisela umnwe,usithi mababuyele emthethweni wakho.Kodwa ke basuka bakhukhumala,bazidela iziyalo zakho.Bazinyathela ngeenyawo izimiso zakho,ezo zibubomi bomntu wonke othi yena azithobele.Basuka bakufulathela bekhukhumele,bankaniza, abakuphulaphula.

30. “Yaba liqela leminyaka wena ubanyamezele.NgoMoya wakho wena wabaluleka,usebenzisa abashumayeli bakho.Kodwa ke bona abakhathalanga,waza ke wabanikezela kwizizwe ezingabamelwana.

31. Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba.

32. “Ngoko ke, Thixo wethu,Ngangalalandini yengangamsha,wena Thixo owoyikekayo,uwugcinayo umnqophiso wokubonelela,yijonge le nkxwaleko ingaka,ingabi yintw' engento kuwe.Nditsho iinkathazo ezasihlelayo,ezehlela ookumkani neenkokheli zethu,ababingeleli nabashumayeli,oobawo kunye nabantu bakho bebonke,ukusukela kwimihla yookumkani baseAsiriya,ukuza kuthi ga ngoku.

Unehemiya 9