Unehemiya 9:11-28 Ibhayibhile (XHO96)

11. Wena walahlula-hlula ulwandle phambi kwabo bebukele,baza ke bona bawela kulo kumhlaba owomileyo.Ke zona iintshaba zabo suka wazintywilisela enzulwini;suka zee loce zanyamalala ngathi lilitye litshona esizibeni.

12. Emini wabakhokela ngomqulu welifu,ebusuku wabakhokelangelangatye lomlilo,suka wena wabakhanyisela kuloo ndlela babeyihamba.

13. “Wena wehla wathi ngcu kwintaba iSinayi,wathetha nabo usezulwini,waza wabanika imiqathangonemithetho elunge kwaphela,izimiso neziyalo ezifanalekileyo.

14. Wawazisa kubo umhla wakho owodwa wokuphumla,wabathi jize ngemiyalelo,imimiselo, kwanemithetho,ngesicaka sakho uMosis.

15. Bakulamba wabanika ukutya,ukutya okuvela ezulwini.Bakunxanwa wabanika amanzi,amanzi aphuma eliweni.Wena wabayalela usithi mabalithathe elo lizwe,umhlaba owabafungela ngawousithi sobanika isandla sakho.

16. “Kodwa ke bona oobawo-mkhulusuka bakhukhumala banenkani,abayithobela imiyalelo yakho.

17. Abavumanga kuphulaphula,bayilibala imimangaliso yakhoowayenza phakathi kwabo.Suka bankaniza bagwilika,bazinyulela inkokheli,befuna ukuphindela ebukhobokeni.Kambe ke wena unguThixo oxolelayo,wambeth' isisa novelwano,ucaphuka kade,uphuphum' uthando.Ewe, wena akubalahlanga.

18. Nangona sebezenzele umfanekiso,baqingqa ithole, besithi:‘Nanko uThixo wakhoowakukhupha kwelo laseJiputa;’naxa babesenza amanyundululu.

19. Ngenxa yobukhulu benceba yakhoakubashiyanga kuloo ntlango;awunqumamanga umqulu welifu.Emini wabakhokela endleleni yabo,lenjenjalo nelangatye lomlilo,ebusuku labakhanyisela indlela yabo.

20. “Wabathi jize ngoMoya wakho olungileyo,Moya lowo wabafundisayo ke.Akubavimbanga ukutya okuyimana;suka wabanika amanzi bakunxanwa.

21. Iminyaka yaba ngamashumi amane,wena ubalondolozile kuloo ntlango.Ewe, zange baswele lutho:izivatho zabo zange ziguge;azidumbanga neenyawo zabo.

22. “Wabanikela izizwe nezikumkani,wababela nezo zisekudeni,suka bawuthatha umhlaba kaSihon,bawuthatha umhlaba kaOgi ukumkani waseBhashan.

23. Wena wayandisa inzala yabo, yanjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni,waza wabangenisa kwelo lizwe wawuthe mabangene kulo balithabathe ooyise-mkhulu.

24. Ewe, oonyana babo bangena kulo, balithabatha laza lalelabo.Waboyisela amaKanana awayemi kwelo lizwe;wawanikela kubo amaKanana, ndawonye nezikumkani zawo,nezo ntlanga zaloo mhlaba, ukuze benz' unothanda kuzo.

25. Bahlasela izixeko ezinqatyisiweyo,bayithatha imihlaba yendyebo.Ewe, bazithimba nezindlu ezazizele ngooni nooni,oomaqula selembiwe kade,oozidiliya noozinquma,ooziqhamo ngendlu yazo.Ewe, batya bathi mpu,batsho baba ngabondlekileyo,bexhamla ukulunga kwakho.

26. “Kodwa bathelela ngentswela-mbeko,suka bavukelana nawe,umthetho wakho bawufulathela.Ewe, bababulala *abashumayeli bakho,nditsho abo babebaluleka, bezama ukubabuyisela kuwe,benza izinto ezimanyumnyezi.

27. Waza ke wena wabanikezela ezintshabeniezasuka zabaphatha kabuhlungu.Bathe bekuloo ngcinezelo ke,suka bahlahlamba bazibika kuwe.Ke wena weva usezulwini,waza ke ngaloo mfobe yakhowabathi jize ngabahlanguli,ke bona babakhulula ezintshabeni.

28. “Bathe ke bakuphumla,basuka baphindela ebubini.Suka ke wena wabalahla,wabanikela ezintshabeni zabo,zaza ke zona zabalawula.Baphindile ke bazibika kuwe,waza weva wena usezulwiniyaphindelela imfobe yakho,ubahlangula umhla nezolo.

Unehemiya 9