21. Bevile ke abathunywa, bathi kwasekuseni bangena endlwini kaThixo, bafundisa.Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe nabo bonke abadala bamaJuda, babiza intlanganiso epheleleyo *yeBhunga, baza bathumela entolongweni ukuba abathunywa beziswe phambi kwabo.
22. Zifikile izigidimi azibafumananga abathunywa entolongweni; zabuya ke zeza kuxela entlanganisweni, zathi:
23. “Intolongo siyifumene ivalwe ngokuqinileyo, nabalindi bewagcinile amasango, kodwa sakuwavula amasango, asifumananga mntu ngaphakathi.”
24. Kwathi intloko yabalindi bendlu kaThixo nababingeleli abaziintloko bakuyiva le nto, baxakwa ukuba ngaba kuhle ntoni na kubathunywa.
25. Kwafika ndoda ithile eyathi kubo: “Khangelani, amadoda ebeniwafake entolongweni nangaya efundisa abantu endlwini kaThixo!”
26. Yasuka ke intloko yabalindi yahamba nabaphantsi kwayo, babaphuthuma abathunywa. Babaphatha kakuhle abathunywa, kuba besoyika hleze baxulutywe ngamatye ngabantu.
27. Babazisa phambi kweBhunga abathunywa, waza umbingeleli omkhulu wabamangalela esithi:
28. “Saninika imiyalelo engqongqo yokuba ningaphindi nifundise egameni lale ndoda; kodwa khanikhangele into eniyenzileyo! Imfundiso yenu niyisarhaze kule Jerusalem iphela; ngoku nifuna ukuxhoma ukufa kwayo phezu kwethu.”
29. OoPetros baphendula bathi: “Asinakwenza nto yimbi; sifanele ukuthobela uThixo endaweni yabantu!
30. UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu ekufeni, ekubeni nina nambulalayo ngokumxhoma emnqamlezweni.
31. UThixo wammisela ewongeni, wayiNkokheli noMsindisi wokunika amaSirayeli ithuba lokuguquka, aze axolelwe izono zawo.
32. Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.”
33. Akuweva la mazwi amalungu eBhunga avutha ngumsindo kangangokuba afuna ukuba babulawe abathunywa.
34. Kodwa omnye wabo, *owayengumFarasi ogama linguGamaliyeli, owayengumchazi-mthetho ohloniphekileyo kubantu bonke, waphakama wayalela ukuba abathunywa khe bakhutshelwe phandle.
35. Wabhekisa eBhungeni esithi: “MaSirayeli, yilumkeleni into eniyenzayo kula madoda.
36. Ngaphambi koku kukhe kwavela uTuda ezenza uthile obalulekileyo, waza walandelwa ngamadoda akwisithuba samakhulu amane. Kodwa wafa, abalandeli bakhe bathi saa, waza naloo mbutho wakhe wafa.
37. Emva koko kwavela uJuda umGalili, ngexesha lobalo, naye walandelwa ngabantu abaninzi, kodwa naye wafa, nabalandeli bakhe basarhaka.
38. Ngokunjalo nakwesi isihlandlo musani ukuthatha manyathelo ngakula madoda. Wayekeni, kuba ukuba lo msebenzi wawo yinto nje yabantu uza kuphelela esithubeni;
39. ukanti ukuba yinto evela kuThixo, aninako ukuwutshabalalisa. Endaweni yaloo nto ningazibhaqa nisilwa noThixo.”IBhunga lalandela icebo likaGamaliyeli.