17. UPawulos ubize umphathi-butho, wathi kuye: “Yisa lo mfana kwingqwayi-ngqwayi. Kukho into afuna ukuyixelela yona.”
18. Umphathi-butho wamthatha wamsa kwingqwayi-ngqwayi, wafika wathi: “Ndibizwe ngumbanjwa uPawulos, wathi mandize nalo mfana kuwe, kuba kukho into aza kukuxelela yona.”
19. Ingqwayi-ngqwayi imbambe ngesandla umfana lowo, yamtsalela bucala, yambuza isithi: “Uze kundixelela ntoni?”
20. Uthe umfana: “Iziphathamandla zamaJuda zivumelene ukuba zikucele ngomso, ukhe uthumele uPawulos eBhungeni, zisenza ngathi kukho indawo ebalulekileyo elifuna ukuyiqonda kuye iBhunga.
21. Kodwa uze ungavumi ukuyiva loo nto, ngoba kukho amadoda angaphezu kwamashumi amane alalele uPawulos endleleni. Afungile ukuba akayi kutya, engayi kusela, ade ambulale. Nangoku selelungile, elindele ukuba uvume.”
22. Ithe ingqwayi-ngqwayi: “Uzungayithethi mntwini into yokuba undixelele ngeli yelenqe.” Yaza yamndulula umfana lowo.
23. Ingqwayi-ngqwayi ithe yabiza abaphathi-mabutho bayo ababini, yathi kubo: “Lungiselelani ukuya eKhesariya ngokuhlwanje ngentsimbi yethoba. Ze nihambe namakhulu amabini amajoni kunye namashumi asixhenxe amajoni akhwele amahashe, kwakunye namakhulu amabini amajoni aphatha iintshuntshe.
24. Nithathe namahashe okukhwela, uPawulos nimse kuFelekis irhuluneli engenzakalanga.”
25. Ingqwayi-ngqwayi yabhala ileta, yenjenje:
26. “UKlawudiyo Lisiya ubulisa ohloniphekileyo uFelekis irhuluneli.
27. Le ndoda âyibamba amaJuda eza kuyibulala. Ndivile ukuba ingummi ongumRoma, ndaya kuyihlangula ngamajoni.
28. Ndithe ke ngokufuna ukuqonda isityholo abayibeka sona, ndayisa *eBhungeni lawo.
29. Apho ke kuye kwacaca ukuba ayenzanga tyala lokuba ingagwetyelwa ukufa, nokuba mayivalelwe entolongweni. Isityholo ebekwa sona siphathelele kwimpikiswano ngomthetho wabo.