1. Sakwahlukana nabo, sangena enqanaweni, sahamba ngqo sada saya kufika eKos. Ngengomso sagaleleka eRodo, sasuka saya kutsho ePatara.
2. Safumana inqanawa apho eyayisiya eFenike, saza sangena kuyo, sahamba ngayo.
3. Sayithi ntlaa, sayishiya ngasekhohlo iSipro, sijonge eSiriya. Sehla enqanaweni eTire. Kaloku kwakulapho yayiza kothulwa khona umthwalo.
4. Safika kukho amakholwa apho, saya kuhlala nawo iveki yonke. Ngokutyhilelwa nguMoya oyiNgcwele athi uPawulos makangayi eJerusalem.
5. Kodwa lakufika ixesha lokumka, sayihamba indlela yethu. Basikhapha sada sangaphandle kwedolophu, bekunye nabafazi kwanabantwana babo. Saguqa elunxwemeni apho, sathandaza.
6. Sahlukana ke, thina sangena enqanaweni, bona bagoduka.
7. Ukusuka kwethu eTire, sahamba sada saya kufika eTolimayi. Apho sadibana namakholwa, sahlala nawo imini yonke.
8. Kwakusa salishiya elo, saya kungena eKhesariya. Apho safikela emzini womvakalisi weendaba ezimnandi uFilipu, omnye walaa madoda asixhenxe awanyulwa eJerusalem.
9. Wayeneentombi ezine ezingendanga ezaziluvakalisa udaba lweNkosi.
10. Kuthe sekuntsuku silapho, kwafika umvakalisi-daba onguAgabho, evela kwaJuda.
11. Ufike wathatha ibhanti kaPawulos, wazibopha ngayo iinyawo nezandla, wathi: “Uthi uMoya oyiNgcwele: ‘Umnini wale bhanti uya kubotshwa enjiwenje ngamaJuda eJerusalem, yaye aya kumnikela ezintlangeni.’ ”
12. Sakuyiva le nto, samcenga uPawulos, sikunye namakholwa alapho, ukuba angayi eJerusalem.
13. Kodwa wathi ukuphendula: “Nenza ntoni, nifuna ukundityhafisa nje ngezi nyembezi zenu? Andilungelanga kubotshwa kuphela eJerusalem; kwanokufa oku ndikulungele ngenxa yeNkosi uYesu.”
14. Sancama ke, kuba singabanga nakumoyisa, sathi: “Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.”
15. Emva kwexesha silapho salungiselela ukuya eJerusalem.
16. Abanye babalandeli bakaYesu baseKhesariya bahamba nathi, basisa endlwini yendoda egama linguMnaso, esathi sahlala nayo. Loo ndoda yayingumfo waseSipro, ilikholwa elaguquka kwimihla yangaphambili.
17. Ekufikeni kwethu eJerusalem, amakholwa asamkela ngezandla ezishushu.