Umsebenzi Wabathunywa 12:2-18 Ibhayibhile (XHO96)

2. Wambulala ngekrele uYakobi umntakwabo-Yohane.

3. Uthe akuqonda ukuba esi senzo siwakholisile amaJuda, waqhubela phambili ngokuvalela uPetros. Le nto yenzeka ngexesha *leSidlo seZonka ezingenaGwele.

4. Akuba ebanjiwe uPetros, wavalelwa entolongweni. Wanikelwa ukuba alindwe ngamajoni angamaqela amane angamane. UHerode wayezimisele ukumsa ematyaleni emva *kwePasika.

5. Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.

6. Ke kaloku uPetros wayelele phakathi kwabalindi ababini, ebotshelelwe kubo ngamatyathanga, kukho nabagadi abalinde isango lentolongo, ngobusuku obuphambi komhla awayeza kusiwa ngawo ematyaleni nguHerode.

7. Ngebhaqo kwabonakala isithunywa seNkosi simi bhuxe apho egumbini lentolongo, kwatsho kwasemini kukukhanya. Samshukumisa uPetros, samvusa sisithi: “Khawuleza, vuka!” Ukubanje sitsho, athi xibilili amatyathanga ezandleni.

8. Saqhuba sathi: “Bhinqa, unxibe iimbadada zakho.” Wenjenjalo ke uPetros, saza saphinda isithunywa eso sathi: “Yambatha, undilandele.”

9. Wasilandela ke uPetros, baphuma entolongweni. Wayengekaqondi ukuba iyinene le nto yenziwa sisithunywa seNkosi; wayeba uyaphupha.

10. Babagqitha abalindi bokuqala nabesibini, baza ekugqibeleni bafika kwisango lentsimbi elivulela edolophini. Lavuleka ngokwalo isango, baphuma ke. Bathi besehla ngesitalato sesuka see shwaka isithunywa eso.

11. Akuqabuka ebuthongweni uPetros wathi: “Ngoku ndiyazi ukuba ngenene le nto yinyaniso! INkosi isithumele isithunywa sayo, sandihlangula egunyeni likaHerode, nakuzo zonke izinto amaJuda ebenqwenela ukuzenza kum.”

12. Akuyiqonda le nto yenzekileyo uPetros waya emzini kaMariya, unina kaYohane Marko. Kwakukho abantu abaninzi apho, bethandaza.

13. Wankqonkqoza emnyango, kwaza kwaya intombazana egama linguRoda,

14. eyathi yakuliva ilizwi likaPetros, yasuka yajika ngenxa yovuyo ingamvulelanga, yaya kuxela ukuba nguPetros lo unkqonkqozayo.

15. “Unantoni na? Uyageza!” bamphikisa batsho abo babesendlwini. Kodwa yena wema ekubeni le nto iyinyaniso. Bathi ke bona: “Hayi ke, fan' ukuba sisithunywa sakhe.”

16. UPetros yena waphikelela enkqonkqoza, bada ngelikade bamvulela, bamangaliswa kakhulu bakuqonda ukuba kuthe kanti nguPetros ngenkqu lo.

17. Wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka, waza ke wabachazela indlela emkhuphe ngayo iNkosi entolongweni. Wabayaleza ukuba baye kuxela le nto kuYakobi nakwamanye amakholwa, waza yena wemka waya kwenye indawo.

18. Ngengomso yaba sisiphithi-phithi kubalindi bentolongo besithi: “Yaz' ukuba uphi na uPetros?”

Umsebenzi Wabathunywa 12