6. Quqelani kuNdikhoyo, niphile,kungenjalo uya kuza evutha,ayitshise iphele indlu kaJosefu,kungekho nabani eBhetele ongawucimayo loo mlilo.
7. Nina nigqwetha ubulungisa bube krakra njengekhala,nibukhahlele phantsi eluthulini.
8. Ulomenzi woomakroza noozilimela,ulojik' isithokothoko sobumnyama sibe ngumsobomvu, nemini ibe yintsunguzi yobusuku,ulovulela amanz' olwandle ankcenkceshe ngawo umhlaba,nguNdikhoyo igama lakhe.
9. Nguye umtshabalalisi wezigantsontso;nguye umdilizi weenqaba zazo.
10. Niyamcaphukela umntu othanda ubulungisa ezinkundleni,nilithiye ingqina elidandalazisa inyaniso.
11. Njengoko niwacinezela amahlwempu,niwarhumisa nangengqolowa ayivunileyo,anisobe nizihlale ezo zindlu zenu zamatye aqingqiweyo,ningasobe niyisele newayini evela kwezo zidiliya zenu zinqwenelekayo.
12. Ndiyabazi kaloku ubuninzi bobugwenxa benunobukhulu bezono zenu.Nitshutshisa abantu abamsulwa;niyakuthanda nokunyotywa.Amahlwempu niyawavala angeviwa ezinkudleni zenu.
13. Yiyo ke loo nto zona izilumko zisuka ziwuvale owazo zingathethi,kuba eli lixesha lezinto ezimanyumnyezi.
14. Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,khon' ukuze niphile,naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,njengoko nizingca ngaloo nto.
15. Inkohlakalo yithiyeni,nithande ukwenza okuhle,nivuselele ubulungisa ezinkundleni zenu,mhlawumbi uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, angaba nenceba kumasalela endlu kaJosefu.
16. Ngoko ke utsho uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, iNkosi, ukuthi:“Koba sisijwili kwiindawo zonke zembutho;ezitalatweni zonke ibe ngooyoo-yoo zizikhalo.Kobizwa kwanabalimi ukuza kulila,kumenywe nabazili ukuza kubhomboloza.
17. Koba seso sijwili nakwizidiliya zenu,kuba ndobe ndize kunohlwaya.”Utsho uNdikhoyo.
18. Mawoo kwabo balangazelela imini *kaNdikhoyo!Ngaba kanene kuni loo mini yoba yimini enjani?Imini kaNdikhoyo yoba sisithokothoko sobumnyama, ingabi kukukhanya.
19. Koba ngathi umntu ubaleka ingonyama,aye kugagana nebhere.Koba ngathi umntu ungena endlwini, abambelele eludongeni,suka alunywe yinyoka kweso sandla.
20. Imini kaNdikhoyo iya kuba bubumnyama, ingabi kukukhanya.Yoba sisithokothoko sentsunguzi engenalitha.
21. “Ndiwathiyile, ndiwacekisa amatheko enu,andinamdla konke yimisitho yenu.
22. Loo madini atshiswayo niwenzayo, kunye naloo minikelo yenu yeenkozo, andiyi kuyamkela;andiyi kuyisa so konke iminikelo yenu yobudlelane yeenkomo ezityetyisiweyo.