Eyeziqalo 21:8-25 Ibhayibhile (XHO96)

8. Lwakhula usana lwada lwalunyulwa. Wenza elikhulu lona itheko uAbraham ukulunyulwa kwaloo mntwana.

9. Ngaminazana ithile uSara wabona umntakaHagare umJiputakazi, lowa uHagare wamfumana kuAbraham, edlala ngoIsake.

10. Waya kuthi kuAbraham: “Wethu, sikhuphele ngaphandle esi sicakazana kunye nomntwana waso. Andiyi kuyivumela yona into yokuba lo mntwana wesi sicakazana sahlulelane ngelifa kunye noIsake umntwana wam!”

11. Le nto yamkhathaza gqitha uAbraham, kuba noIshmayeli lowo wayengumntwana wakhe.

12. Wavakala esithi uThixo kuye: “Hayi, sukuzikhathaza ngenxa yalo mntwana nesicakazana sakho. Yenza loo nto ithethwa nguSara wena, kuba kaloku abazukulwana bakho boba yinzala kaIsake.

13. Ewe, nonyana wesicakazana lo uya kuzala isizwe esikhulu, kuba kaloku naye ngumntwana wakho ncam.”

14. Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka wathatha ukutya kunye nentsuba ezele ngamanzi, wazinika uHagare, wamthwalisa, wathi makahambe nomntwana wakhe. Wemka ke uHagare, wahamba ebhadula kuloo ntlango iyiBheshebha.

15. Akuphela amanzi awayewaphethe, wamqhusheka etyholweni umntwana,

16. wemka wathi qelele, wahlala phantsi. Watsho esithi: “Andinakuyinyamezela into yokubona umntwana wam esifa.” Uthe ehleli apho zehla iinyembezi.

17. UThixo wamva ekhala umntwana, kwavakala ilizwi lesithunywa livela ezulwini, lisithi kuHagare: “Ukhathazwa yintoni, Hagare? Sukoyika. UThixo umvile umntwana wakho kulaa ndawo umbeke kuyo.

18. Hamb' uye kumthatha umthuthuzele. Úya kuba ngunozala wesizwe esikhulu.”

19. UThixo wawavula amehlo kaHagare, nako kubonakala umthombo. Waya kuzalisa loo ntsuba, waseza nomntwana wakhe.

22. Ngelo xesha kwafika uAbhimeleki ehamba noPikoli umphathi-mkhosi, wathi kuAbraham: “Yonke into oyenzayo inesandla sikaThixo kuyo, Abraham.

23. Ngoko ke khawufunge ngoku apha phambi koThixo ukuba akusokuze undixokise mna nabantwana bam kunye nabazukulwana bam. Mna ndinyanisekile kuwe, nawe ke ndithembise ukuba uya kunyaniseka kum nakubemi beli lizwe uhlala kulo.”

24. UAbraham wathi ukuphendula: “Ndiyathembisa.”

25. UAbraham wavakalisa kwanesikhalazo awayenaso kuAbhimeleki, esiphathelele nomthombo owahluthwa zizicaka zika-Abhimeleki.

Eyeziqalo 21