8. wathetha noHazayeli wathi: “Thatha isipho, uhambe uhlangabeze lo mfo wakwaThixo, uze ubuzise ngaye kuNdikhoyo ukuba ngaba ndiza kuphila na.”
9. UHazayeli ke wahamba, waya kuhlangabeza uElisha, emphathele zonke iindidi zemveliso yaseDamasko, zingumthwalo okwiinkamela ezimashumi mane. Waya kuma phambi kwakhe, wathi: “Unyana wakho uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram undithume ukuba ndize kubuza ukuba ngaba wophila na kwisifo esimbambileyo!”
10. UElisha uphendule wathi: “Yiya kumxelela ukuba nakanjani na uza kuphila. Ewe kambe, *uNdikhoyo undityhilele ukuba uza kufa.”
11. Wathi ntsho ngamehlo, wada ke uHazayeli waziva eneentloni. Umfo wakwaThixo ke wathi chapha-chapha iinyembezi.
12. “Ngani ukuba ulile, nkosi yam?” ubuzile uHazayeli.“Ndililiswa kukuqonda umonakalo oya kuwenza kumaSirayeli,” uphendule watsho uElisha. “Ewe, wena uya kuzitshisa iinqaba zawo, abafana ubangenele ngekrele, uze abantwana ubaqhumze emhlabeni, ke bona abafazi abakhulelweyo ubagrabhuze.”
13. UHazayeli uphendule wathi: “Kuxa ndingubani, ndiyinja nje, ukuba ndide ndenze into enjalo?”UElisha waphendula wathi: “UNdikhoyo undityhilele ukuba wena uza kuba ngukumkani wakwa-Aram.”
14. UHazayeli wamshiya uElisha, wagoduka waya enkosini yakhe. Akubuza ke uBhenadadi ukuba uthini na uElisha, uHazayeli wathi: “Uthi uza kuphila.”
15. Kambe ke ngemini elandelayo uHazayeli wathatha ilaphu, walifaka emanzini, waza wafuthanisela ukumkani lowo wada wafa. Akuba efile ke, uHazayeli waba ngukumkani endaweni yakhe.
16. Ke kaloku ngonyaka wesihlanu uYoram unyana ka-Ahabhi engukumkani wakwaSirayeli, uYehoram unyana kaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli waqalisa ukulawula kwaJuda.
17. Wayeneminyaka emashumi mathathu anambini ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula eJerusalem iminyaka yasibhozo.
18. Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wenza njengendlu ka-Ahabhi. Kaloku wayethathe intombi yakhe. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.
19. Kambe ke, ngenxa yesicaka sakhe uDavide, uNdikhoyo akamtshabalalisanga uJuda. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.
20. Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani.
21. Ngoko ke uYehoram waya eZayira nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku, waphuncuka. Ke wona umkhosi wakhe wabaleka wagoduka.
22. Unanamhlanje ke iEdom isavukelene noJuda. NeLibhena ke yenza uvukelo kwangelo xesha.
23. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehoram, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
24. UYehoram ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. UAhaziya unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.
25. Ngonyaka weshumi elinambini elawula uYoram unyana ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli, uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula kwaJuda.
26. Waqalisa ukulawula xa aneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri ukumkani wakwaSirayeli.