1 Yeziganeko 28:6-21 Ibhayibhile (XHO96)

6. UNdikhoyo uthethe nam wathi: ‘Ngunyana wakho uSolomon oya kundakhela indlu kunye neenkundla zam, kuba ndinyule yena ukuba abe ngunyana wam, mna ke ndibe nguyise.

7. Umbuso wakhe ndiya kuwuzinzisa ume ngonaphakade, ukuba ngaba yena uthe akagungqa ekuyithobeleni ayenze imiqathango nemithetho yam, njengoko kusenziwa ngoku.’

8. “Ngoko ke ngoku ndiyakuyala apha phambi koSirayeli ephela nalo eli bandla likaNdikhoyo; ewe, ndithetha phambi koThixo wethu: Imiqathango kaNdikhoyo uThixo wakho yithobele ngenyameko, khon' ukuze nime kweli lizwe lihle kunene, nilidlulisele nakwizizukulwana ngezizukulwana, ukuze libe lilifa lazo ngonaphakade.

9. “Ke wena, nyana wam Solomon, uze uhambisane noThixo kayihlo, umkhonze ngokuzimisela ngomxhelo wakho uphela nangengqondo evumayo, kuba kaloku uNdikhoyo uyayigoca-goca intliziyo, yaye ke uyaziqonda iinjongo zeengcinga zomntu. Ukuba uyamlangazelela uza kumfumana; kambe ke xa uthe wamlahla uya kukubukula kude kube ngunaphakade.

10. Ngoku ke zikisa ukucinga, kuba kaloku uNdikhoyo ukunyulele ukuba umakhele indlu engcwele. Ngoko ke yomelela uwenze lo msebenzi.”

11. Ke uDavide uyinikele kunyana wakhe uSolomon yonke iplani yesakhiwo eso, ivaranda namanye amagumbi endlu kaThixo, kunye noovimba bayo, ukuma kwayo phezulu, namagumbi angaphakathi, kananjalo nendawo yokucamagushela izono.

12. Wamnika iplani yako konke awayekuthweswe nguMoya mayela neenkundla zendlu kaNdikhoyo namagumbi ayiphahlileyo, oovimba bendlu kaThixo kunye noovimba bezinto ezinikezelwe kuThixo.

13. Wamyala ngezigaba zababingeleli nabaLevi nangawo wonke umsebenzi wokulungiselela endlwini kaNdikhoyo, nangokuphathelele kwizinto ezisetyenziswayo apho ekulungiseleleni endlwini kaNdikhoyo.

14. Wabumisa nobunzima begolide eya kusetyenziswa kuyo nayiphi na into eyenziwa ngayo, ngokunjalo nobunzima besiliva kuzo zonke izinto ezaziza kwenziwa ngayo.

15. Ubunzima begolide yeziphatho-zibane, neyezibane, ubunzima begolide yesiphatho-sibane ngasinye nezibane zaso, nobunzima besiliva kuso ngasinye isiphatho sibane esenziwe ngesiliva kunye nezibane zaso, ngokomsebenzi wesiphatho-sibane eso;

16. ubunzima begolide kwitafile nganye yesonka somnikelo; ubunzima besiliva kwitafile nganye eyenziwe ngesiliva;

17. ubunzima begolide ecwengileyo yokwenza iifolokhwe, izitya zokufefa, namathunga; ubunzima begolide kwisitya ngasinye esenziwe ngegolide, nobunzima besiliva kwisitya esenziwe ngesiliva;

18. ubunzima begolide ecwengileyo yokwenza iqonga lesiqhumiso. Kananjalo wamnika neplani yokwenziwa kwenqwelo leyo yezo *zithunywa zimaphiko zazenziwe ngegolide, ezo zazithe naa amaphiko zifihle ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.

19. UDavide wathi: “Yonke le nto ke ibhaliwe, kuba kaloku isandla sikaNdikhoyo sasiphezu kwam, wandinika ukuqiqa nokubuqonda bonke ubucukubhede.”

20. UDavide ke uqhube wathi kunyana wakhe uSolomon: “Yomelela ukhaliphe, uwenze lo msebenzi. Uze ungakhe ube nayo idyudyu, utyhafe; kaloku uNdikhoyo uThixo onguThixo wam ungakuwe. Akasokuze akuyekele, okanye akulahle, ude ube uphumelele wonke lo msebenzi wokwakhiwa kwendlu yakhe.

21. Izigaba zababingeleli nabaLevi seziwulungele wonke umsebenzi wendlu kaThixo, yaye ke yonke indoda ezimiseleyo kulawo anobuchule nakuyiphi na inkalo iya kusebenzisana nawe kuwo wonke umsebenzi. Onke amagosa nabantu ngokunjalo baya kuwuthobela nawuphi na umyalelo wakho.”

1 Yeziganeko 28