Ukumkani uDavide wathetha nebandla likaSirayeli liphela, wathi: “Unyana wam uSolomon, lo unyulwe *nguNdikhoyo, noko uselula, yaye ke akanamava. Umsebenzi lo ke wona mkhulu, kuba eli bhotwekazi liza kwakhiwa asilamntu, koko lelikaNdikhoyo uThixo.