UDavide ke uqhube wathi kunyana wakhe uSolomon: “Yomelela ukhaliphe, uwenze lo msebenzi. Uze ungakhe ube nayo idyudyu, utyhafe; kaloku uNdikhoyo uThixo onguThixo wam ungakuwe. Akasokuze akuyekele, okanye akulahle, ude ube uphumelele wonke lo msebenzi wokwakhiwa kwendlu yakhe.