Izigaba zababingeleli nabaLevi seziwulungele wonke umsebenzi wendlu kaThixo, yaye ke yonke indoda ezimiseleyo kulawo anobuchule nakuyiphi na inkalo iya kusebenzisana nawe kuwo wonke umsebenzi. Onke amagosa nabantu ngokunjalo baya kuwuthobela nawuphi na umyalelo wakho.”