17. UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.”
18. Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni leBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi:
19. “Hayi khona, uThixo makandithintele; soze ndiyenze into enjalo! Ndingaba ndisela igazi lala madoda awakhe ngokubeka ubomi bawo esichengeni sokufa. Ewe, ngokuhamba aye kuwakha aphinde abuye nawo, abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.
20. UAbhishayi umntakwabo-Jowabhi yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.
21. Waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywa kuloo magorha mathathu.
22. Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama.
23. Wabulala umJiputa owayelufafa oluziimitha ezimbini ezinekota ubude. UmJiputa lo wayephethe umkhonto ongangesibonda, uBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.
24. Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu.
25. Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.
26. Nanga loo magorha:NguAsayeli umntakwabo-Jowabhi, uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
27. uShamoti waseHarori, uHeleze wasePelon,
28. uIra unyana kaIkeshe waseTekowa, uAbhiyezere waseAnatoti,
29. uSibhekayi waseHusha, uIlayi waseAhoyi,
30. uMaharayi waseNetofa, uHelede unyana kaBhana waseNetofa,
31. uItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin, uBhenaya wasePiraton,
32. uHurayi wamaxandeka aseGahashe, uAbhiyeli waseBhete-arabha,
33. uAzemavete waseBhawurim, uEliyabha waseShalebhon,
34. oonyana bakaHashem waseGizon, uJonatan unyana kaShage waseHarari,
35. uAhiyam unyana kaSakare waseHarari, uElifali unyana kaUre,