La ngamadoda awaya kuDavide eZikelage, ngokuya wayegxothiwe nguSawule unyana kaKishe. Yayingamanye kumajoni awayesima nawo edabini.