“Hayi khona, uThixo makandithintele; soze ndiyenze into enjalo! Ndingaba ndisela igazi lala madoda awakhe ngokubeka ubomi bawo esichengeni sokufa. Ewe, ngokuhamba aye kuwakha aphinde abuye nawo, abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.