UAbhishayi umntakwabo-Jowabhi yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.