Wabulala umJiputa owayelufafa oluziimitha ezimbini ezinekota ubude. UmJiputa lo wayephethe umkhonto ongangesibonda, uBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.