2. nakwiikumkani ezazikweleentaba emantla, eJordan kwintili esemzantsi woLwandle lwaseGalili, emazantsi eentaba, nakunxweme lwangaseDore.
3. Wasithumela nakumaKanana aphahle iJordan, kuma-Amori, kumaHeti, kumaPerezi, nakumaJebhusi kweleenduli, kwanakumaHivi awayemi phantsi kwentaba iHermon kummandla waseMizpa.
4. Ezo kumkani zeza nemikhosi yazo yonke, inyambalala yamajoni esith' ilanga, ekwanjalo namahashe neenqwelo ubuninzi.
5. Zahlanganisa imikhosi yazo ezo kumkani, zaya kugxumeka iintente ngakumlanjana iMerom, zilungele ukulwa namaSirayeli.
6. *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uzungaboyiki wena. Ngeli xesha ngomso ndoba sendiwancedile amaSirayeli ukubabulala bonke. Kufuneka amahashe abo niwatshece imisipha, nezo nqwelo zabo nizintumeke umlilo.”
7. Nanko ke uYoshuwa nomkhosi wakhe wonke eyiqubula loo mikhosi ngakuloo mlanjana iMerom.
8. Wayinikela ezandleni zabo loo mikhosi uNdikhoyo, bayoyisa, bayisukela ukuya kutsho emantla eMisefoti-mayim naseSidon enkulu, kwaya kutsho entshonalanga kuloo ntili yaseMizpa. Babatyakatya kwada akwabikho namnye useleyo.
9. Ngokomyalelo kaNdikhoyo uYoshuwa wawatsheca imisipha loo mahashe abo, watshisa nezo nqwelo zabo.
10. Wajika apho uYoshuwa, waya kuthimba iHazore, wayibulala nekumkani yalapho. (Ngaloo mihla iHazore yayisesona sikumkani siyinjinga kwezo zalapho.)
11. Kwabulawa wonke umntu apho, akwasinda namnye, neso sixeko satshatyalaliswa ngomlilo.
12. Wazithimba zonke ezo zixeko ezinookumkani uYoshuwa, ebulala wonke umntu kwanokumkani, kanye njengoko wayeyalelwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.
13. Kambe ke akazange azitshise amaSirayeli izixeko ezazakhiwe ezindulini; yaba yiHazore yodwa awathi uYoshuwa mayitshiswe.
14. AmaSirayeli emka nawo amaxhoba nemfuyo yezo zixeko. Ababulala bonke abantu, akashiya namnye.