Uyoshuwa 11:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukumkani uJabhin waseHazore uthe akuva ngeziqwenga ezazisenziwa ngamaSirayeli, wathumela isigidimi kukumkani uJobhabhi waseMadon nakwiikumkani zaseShimron naseAkeshafi,

2. nakwiikumkani ezazikweleentaba emantla, eJordan kwintili esemzantsi woLwandle lwaseGalili, emazantsi eentaba, nakunxweme lwangaseDore.

3. Wasithumela nakumaKanana aphahle iJordan, kuma-Amori, kumaHeti, kumaPerezi, nakumaJebhusi kweleenduli, kwanakumaHivi awayemi phantsi kwentaba iHermon kummandla waseMizpa.

4. Ezo kumkani zeza nemikhosi yazo yonke, inyambalala yamajoni esith' ilanga, ekwanjalo namahashe neenqwelo ubuninzi.

5. Zahlanganisa imikhosi yazo ezo kumkani, zaya kugxumeka iintente ngakumlanjana iMerom, zilungele ukulwa namaSirayeli.

6. *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uzungaboyiki wena. Ngeli xesha ngomso ndoba sendiwancedile amaSirayeli ukubabulala bonke. Kufuneka amahashe abo niwatshece imisipha, nezo nqwelo zabo nizintumeke umlilo.”

7. Nanko ke uYoshuwa nomkhosi wakhe wonke eyiqubula loo mikhosi ngakuloo mlanjana iMerom.

8. Wayinikela ezandleni zabo loo mikhosi uNdikhoyo, bayoyisa, bayisukela ukuya kutsho emantla eMisefoti-mayim naseSidon enkulu, kwaya kutsho entshonalanga kuloo ntili yaseMizpa. Babatyakatya kwada akwabikho namnye useleyo.

9. Ngokomyalelo kaNdikhoyo uYoshuwa wawatsheca imisipha loo mahashe abo, watshisa nezo nqwelo zabo.

17-18. Lo mmandla usuka kwintaba iHalaki ngase-Edom ezantsi, wenjenjeya ukuya kutsho eBhali-gadi emantla kuloo ntili yeLebhanon ngaphantsi kwentaba iHermon. UYoshuwa walwa ithuba elide neekumkani zalapha, kodwa ekugqibeleni wazoyisa, wazibulala.

Uyoshuwa 11