11. Ufike wathatha ibhanti kaPawulos, wazibopha ngayo iinyawo nezandla, wathi: “Uthi uMoya oyiNgcwele: ‘Umnini wale bhanti uya kubotshwa enjiwenje ngamaJuda eJerusalem, yaye aya kumnikela ezintlangeni.’ ”
12. Sakuyiva le nto, samcenga uPawulos, sikunye namakholwa alapho, ukuba angayi eJerusalem.
13. Kodwa wathi ukuphendula: “Nenza ntoni, nifuna ukundityhafisa nje ngezi nyembezi zenu? Andilungelanga kubotshwa kuphela eJerusalem; kwanokufa oku ndikulungele ngenxa yeNkosi uYesu.”
14. Sancama ke, kuba singabanga nakumoyisa, sathi: “Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.”
15. Emva kwexesha silapho salungiselela ukuya eJerusalem.
16. Abanye babalandeli bakaYesu baseKhesariya bahamba nathi, basisa endlwini yendoda egama linguMnaso, esathi sahlala nayo. Loo ndoda yayingumfo waseSipro, ilikholwa elaguquka kwimihla yangaphambili.
17. Ekufikeni kwethu eJerusalem, amakholwa asamkela ngezandla ezishushu.
18. Ngengomso sahamba noPawulos, saya kubona uYakobi. Nabo bonke abadala bebandla babekhona.
19. Ebabulisile uPawulos, wabanika ingxelo epheleleyo ngezinto zonke uThixo awayezenzile ngaye phakathi kweentlanga.
20. Bathi bakuziva, bamdumisa uThixo xa bebonke. Baza bacebisa bathi kuPawulos: “Mfondini, nawe uyazibonela ngokwakho ukuba apha kukho amawaka-waka amaJuda aguqukileyo angamakholwa, kodwa asabambelele *emthethweni kaMosis.
21. Evile ke ngawe ukuba wena ufundisa onke amaJuda ahlala kumazwe eentlanga, ukuba awulahle umthetho kaMosis. Futhi kuthiwa wena uthi makangabolùsi abantwana bawo, bangawalandeli namasiko esiJuda.
22. Kunjalonje aza kuva ukuba ufikile. Uthi kungenziwa ntoni?
23. Phulaphula ke, sikucebise! Apha kukho amadoda amane azibophe ngesifungo.
24. Ngoko ke wena zibandakanye nawo, ungene *ekuhlanjululweni, uze uwahlawulele iindleko zawo, abe nako ukuzicheba iintloko zawo. Ngale ndlela ke wonke umntu uya kuqonda ukuba bubuxoki yonke le nto bayivileyo ngawe – ndaweni yaloo nto wena ngokwakho usawugcinile umthetho kaMosis.