Umsebenzi Wabathunywa 16:2-20 Ibhayibhile (XHO96)

2. Onke amakholwa aseListra naseIkoniyo ayemazi ngesimilo esihle uTimoti.

3. UPawulos wafuna ukuhamba noTimoti, ngoko ke wamolùsa kuqala, kuba onke amaJuda aloo mmandla ayesazi ukuba uyise wayengolukanga.

4. Ekuzityhutyheni kwabo ezo dolophu, amakholwa bawazisa ngesigqibo *sabathunywa nabadala eJerusalem.

5. Aza ke amabandla omelezeka elukholweni, anda nangamanani imihla ngemihla.

6. Xa babekwingingqi yaseFrigi naseGalati, uMoya oyiNgcwele wabalela ukuba balishumayele ilizwi eAsiya.

7. Bakufika emdeni waseMisi, bazama ukungena eBhitini, kodwa nakhona uMoya kaYesu akabavumelanga.

8. Ngoko ke bacanda eMisi, behla baya eTrowa.

9. Xa babelapho ke, ebusuku uPawulos wabona umbono. Indoda yaseMakedoni yayimile imcenga isithi: “Yiza apha eMakedoni, uzokusinceda.”

10. Ngokukhawuleza emva kwalo mbono kaPawulos, salungiselela ukuya eMakedoni, kuba saqonda ukuba uThixo usibizela ukuba siye kuzishumayela iindaba ezimnandi kubantu balapho.

11. Semka ngesikhephe eTrowa, sahamba ngqo sacanda sijonge eSamotraki, saza ngengomso sangena eNapoli.

12. Sakusuka apho, saya kutsho eFilipi, idolophu yokuqala kwisithili saseMakedoni, eyayilithânga laseRoma. Sakhe sahlala iintsukwana apho kuloo dolophu.

13. *NgoMhla wokuPhumla saphuma edolophini, saya ngasemlanjeni, apho sasiba koba kukho indawo athandazela kuyo amaJuda. Sahlala phantsi, sancokola namakhosikazi awayebuthe apho.

14. Enye yawo eyayisiphulaphule nguLidiya waseTiyatire, owayengumthengisi weempahla ezimsobo zexabiso. Wayeyintokazi eyayimhlonela uThixo, yaza ke iNkosi yayibaza ingqondo ukuba izigqale izinto ezazithethwa nguPawulos.

15. Yabhaptizwa kunye nosapho lwayo. Yaza ke yasimema isithi: “Ukuba nithi ndilikholwa ngenene eNkosini, khanizokuhlala kwam.” Yasithundeza ke ukuba siye.

16. Ngamhla uthile xa sasisiya kwindawo yokuthandaza, sahlangana nentombi eyayilikhoboka. Yayinamafufunyana. Yayibenzela imali eninzi ke abanikaziyo ngokuchazela abantu izinto eziza kubehlela.

17. Yasilandela sinoPawulos, ikhwaza isithi: “La madoda angabakhonzi bakaThixo uPhezukonke. Anishumayeza indlela eningásindiswa ngayo.”

18. Yaqhuba iintsuku ezininzi iyenza le nto, yada yamthukuthezela uPawulos, wajika wathi kuloo moya: “Ngengunya legama likaYesu Krestu ndithi: ‘Phuma kule ntombi.’ ” Aphuma kwangoko amafufunyana.

19. Bakuphawula abanikaziyo ukuba ayisekho indlela yokwenza imali ngale ntombi, babagxavula ooPawulos noSilas, babarhuqela kwinkundla yamatyala eyayisebaleni lembutho.

20. Babamangalela kwabasemagunyeni, besithi: “La madoda angamaJuda, yaye adala isidubedube apha edolophini yethu.

Umsebenzi Wabathunywa 16