Udaniyeli 6:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. Akukuva oku ukumkani watsho wadideka mpela, waza wenza unako-nako wokucinga icebo lokuhlangula uDaniyeli. Ewe, kwaba yiloo nto lada latshona ilanga.

15. Aphinda ke la madoda eza egxalathelana kukumkani, athi: “Khumbula kaloku, mhlekazi, ukuba ngokwemithetho yamaMedi namaPeshiya umthetho nommiselo owenziwa ngukumkani awunakuguqulwa.”

16. Ngoko ke ukumkani wayalela ukuba alandwe uDaniyeli; waza ke waphoswa apho kuloo mngxuma weengonyama. Wathetha naye ke wathi: “Akwaba angakuhlangula uThixo wakho omnqula ngentembeko maxa onke.”

17. Ke kaloku umngxuma lowo wavalwa ngelitye, waza ukumkani walitywina ngomsesane wakhe nangaleyo yezikhulu zakhe, khon' ukuze imeko kaDaniyeli ingabi nakuguqulwa.

18. Emva koko ke ukumkani wagoduka waya ebhotwe, wachitha ubusuku engadli, engenalo nethuba lokuzonwabisa, koko wasuka waphuthelwa ubusuku bonke.

19. Ke kaloku ukumkani wavuka xa kuthi chapha ukusa, wakhawuleza waya kulaa mngxuma weengonyama.

20. Akusondela kuwo ke wakhwaza engxunguphele, wathi: “Daniyeli! Daniyeli! Sicaka soThixo ophilayo! Ube nako na ukukuhlangula kwezo ngonyama uThixo wakho omnqula ngentembeko maxa onke?”

21. Waphendula ke uDaniyeli wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!

22. UThixo wam uthumele isithunywa sakhe, sayivala imilomo yeengonyama, azandenzakalisa. Ewe, azindenzakalisanga kuba ndifumaniseke ndimsulwa phambi kwakhe, kwanjengokuba ndingazange ndakona nganto nawe, mhlekazi!”

23. Wavuya gqitha ke ukumkani, waza wayalela ukuba uDaniyeli akhutshwe apho emngxunyeni. Akukhutshwa ke wafumaniseka engenawo nomkrwelo lo, kuba kaloku yena wayekholose ngoThixo wakhe.

24. Ukumkani ke wayalela ukuba abanjwe loo madoda ayemangalele uDaniyeli. Wathi makathathwe neentsapho zawo, abafazi nabantwana, baza ke bebonke baphoswa apho emngxunyeni weengonyama. Bathi ke, bengekafiki nasezantsi, zabaganga iingonyama, zawanqwamza amathambo abo.

25. Ngoko ke ukumkani uDariyo wabhalela zonke izizwe, iintlanga, nabantu beelwimi ngeelwimi ehlabathini jikelele, wathi: “Ngamana kunganda ngokugqithisileyo ukonwaba kuni nonke!

26. Ndigunyazisa kulo lonke kulo mbuso wam ukuba wonke umntu makamoyike amhlonele amthobele uThixo kaDaniyeli.“Kuba yena nguThixo ophilayo,uThixo okhoyo ngonaphakade.Umbuso wakhe soze utshatyalaliswe;ulawulo lwakhe alunasiphelo.

27. Yena kaloku uyahlangula, yaye esindisa.Ungumenzi wemiqondiso kwanemimangalisoemazulwini kanti nalapha emhlabeni.Nguye lo umhlanguleyo uDaniyeli,wamsindisa emandleni eengonyama.”

Udaniyeli 6