Iindumiso 75 Ibhayibhile (XHO96)

UThixo umgwebi

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; liculo; liculwa ngathi leliya lithi: “Uze ungatshabalalisi.”

1. Ngxatsho ke, siyakubulela, Thixo!Siyalibabaza igama lakhongenxa yemisebenzi yakho emangalisayo.

2. “Ngexesha endilimisileyondiya kugweba ndingakhethi buso.

3. Lakuhexa ihlabathi nabemi baloiintsika zalo zomelezwa ndim.

4. Kwabazingcayo ndithi: ‘Kahleni ngamabhongo.’Kwizikhohlakali ndithi: ‘Sanukuqholosa.’

5. Yahlukanani nokuzigqatsa;kuyekeni ukubhobhoza.”

6. Unyuselo aluveli empuma nasentshona,lungaveli nasentlango.

7. Kaloku nguThixo ogwebayo:uyamthoba lo, amnyuse lowa.

8. *UNdikhoyo uphethe indebe ngesandla,iphuphuma ingqumbo ebilayo;ubarhabulisa kuyo abagwenxa,boyisela bafince nentlenge.

9. Kodwa ndohlala ndimncoma njalo-njalo;ndiya kumemelela ndibonga uThixo kaYakobi.

10. Abagwenxa ndiya kubaphul' iimpondo;ndiluphakamis' uphondo lwamalungisa.