Iindumiso 74 Ibhayibhile (XHO96)

Ukuthandazela inkululeko yesizwe

Umbongo ka-Asafu.

1. Awu, Thixo! Ngani ukuba wenjenje ukusilahla?Awusathothi na umsindo wakho kubantu bakho?

2. Khawulikhumbule ibandla lakho owalifumana mandulo,owalikhululayo ukuze libe lilifa lakho;khumbula ikhaya lakho intaba iZiyon.

3. Khawuye kuloo mabhodlo;iintshaba zabhuqa konke endlwini yakho.

4. Zabharhumla phakathi endaweni engcwele,zaza zamisa eyazo indwe.

5. Ezo zinxosha-nxosha zabhulula konke,ngathi ngabagawuli begec' imithi.

6. Zona izinto ezenziwe ngomthibazintlekeza ngooncelemba nezando.

7. Zayintumek' umlilo indawo engcwele,zayixabhela zayidiliza indlu yakho engcwele.

8. Zathi: “Masibabhangise kuthi tu.”Kulo lonke bazitshisa iindawo zokunqula.

9. Eyakuthi indwe ayisabonakali;akusekho namshumayeli,kungekho waziyo ukuba koda kube nini na.

10. Koda kube nini, Thixo, utshaba lungcikiva?Lohlala lukunyelisa njalo-njalo?

11. Kutheni ukuba ungasincedi?Ngani ukuba usonge izandla?

12. Kambe ke wena, Thixo, waba ngukumkani kwamandulo.Uyabahlangula abantu ehlabathini liphela.

13. Ngaloo mandla walahlula-hlula ulwandle,waziqhekez' intloko iingwenya,

14. wasintlekeza intloko isilo solwandle,sakukutya kwelo libharhileyo.

15. Wena wampompozisa imithombo nemilanjana,waza wayomisa imilambo engatshiyo.

16. Yadalwa nguwe imini, ngokunjalo nobusuku;ivela kuwe inyanga, ngokunjalo nelanga.

17. Yamiswa nguwe imida yehlabathi;ngokukwanjalo ihlobo nobusika.

18. Awu, *Ndikhoyo, khumbula ukuba iintshaba ziyakusinekela;izibhoja ziyalingcikiva igama lakho.

19. Ungabayekeli ezintshabeni abantu bakho;khumbula ngokubandezeleka kwabantu bakho.

20. Khawucinge ngomnqophiso wakho,kuba eli lizwe liphethwe zizibhojazona zigoxa kwamnyama-ndawo.

21. Sukubayekela abacinezelweyo;nawo amahlwempu neentsizana makakudumise.

22. Khawuvuke uhlanganise, Thixo;izibhoja zisoloko zikungcikiva.

23. Sukuyilibala intsholo yotshaba lwakho,umlembelele wengxolo yabakuchasayo.