Iindumiso 131 Ibhayibhile (XHO96)

Isikhungo sentobeko

Iculo likaDavide; lelabahambi.

1. Awu, *Ndikhoyo, mna andizigwagwisi;ngokunjalo mna andiziphakamisi.Kaloku andizixakekisi ngemicimbi ephakamileyo kunokuba ndinjalo mna.

2. Kodwa ndanelisekile, ndaye ndixolile.Ndinjengosana oluthe cwaka ezingalweni zikanina;ngenene umoya wam uphuphuma ukwanela.

3. Sirayeli, khawuthembele kuNdikhoyo, kususela ngoku kude kube nini-nini.