Iindumiso 60 Ibhayibhile (XHO96)

Ukucela ukuhlangulwa

Kumbhexeshi-kwayara, ingoma yokufundisa. Sisililo sikaDavide ngokuya wayesilwa nama-Aram aseMesopotami, kunye nama-Aram aseZobha, waza uJowabhi wawadudula wabulala amaEdom alishumi elinambini lamawaka kwiNtlambo yeTyuwa. Iculwa ngathi yileya ithi: “Iinyib

1. Awu, Thixo, usilahlile!Ngoku sitsho soyisakala.Wena usivelele ngomsindo.Nceda, khawube nebuyambo.

2. Wena uwunyikimisile umhlaba;wona utsho wazama-zama; kungokunje uyaqhaqhazela.Nceda ungcibe ezo ntanda.

3. Abantu bakho ubavise inkxwaleko;ewe, usitsho sazizinxada-nxada.

4. Ubanike intshinga abakuhlonelayo;ubahluphezile ukuze bazuze uloyiso.

5. Nceda ngamandla akho usivelele,ukuze basinde abo ubathandayo.

6. UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,ngoloyiso ndiyayihlahlela;intili yeSukoti yona ndiyibenge.

7. IGiliyadi yeyam, noManase ngowam.UEfrayim lelona xhadi lam;uJuda ngumsimbithi wam.

8. UMowabhi yintili yam yebhongo;ke yena uEdom ndiyambanga.EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”

9. Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?Ngubani onokundisa e-Edom?

10. Noko usilahlile, Thixo.Awusaphumi nemikhosi yethu.

11. Sincedise ezintshabeni zethu:kaloku olomntu uncedo luphuthile.

12. Ukuba uThixo ungakuthi siya kuphumelela;uya kuzinyhasha iintshaba zethu.