Iindumiso 134 Ibhayibhile (XHO96)

Umhobe wangokuhlwa

Iculo labahambi.

1. Yizani nimbonge nimncome *uNdikhoyo,nonke nina zicaka zakhe,nina nonke nima bume ebusuku,nisebenza endlwini kaNdikhoyo.

2. Ziphakamiseleni esibingelelweni izandla zenu,nimbonge nimncome uNdikhoyo.

3. UNdikhoyo, umenzi wamazulu nehlabathi,wanga angakuthamsanqela eseZiyon.