Iindumiso 67 Ibhayibhile (XHO96)

Elokubulela

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo; ukhatshwa ziintambula.

1. Ngamana wanesisa wasithamsanqelisa, Thixo!Ewe, ngamana ungenza kube hele kube chosi kuthi,

2. ukuze yaziwe intando yakho emhlabeni,izizwe ziluxhamle usindiso lwakho.

3. Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;bonk' abantu mabakudumise.

4. Mazidanduluk' izizwe zicule ngemincili,kuba wena ulawula ngobulungisa,zaluswa nguwe zonk' izizwe.

5. Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;bonk' abantu mabakudumise.

6. Ilizwe liphuphum' indyebo.UThixo usithamsanqele; nditsho uThixo wethu.

7. Ngenene uThixo uyasithamsanqela;ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.