5. Omnye wabo uthe esagawula umthi, suka lapoqa izembe lakhe, le ndawo iyintsimbi yatshona emanzini. Wakhala watsho ebhekisa kuElisha: “Awu, ibingelilo nelam, belibolekiwe!”
6. Wabuza wathi umfo wakwaThixo: “Liwe phi?” Akuba ebonisiwe ke uElisha wagawula ukhuni, waza waluphosa kuloo ndawo lalitshone kuyo izembe. Ke izembe elo latsho lavela ladada.
7. Wathetha wathi: “Likhuphe.” Waza ke umnini walo wasolula isandla, walirhola.
8. Ke kaloku kwakungekho mvano phakathi kokumkani wakwa-Aram nowakwaSirayeli. Wasuka ke wathetha-thethana namaphakathi akhe ukumkani wakwa-Aram, wathi: “Imikhosi yam ndoyimisa endaweni ethile.”
9. Umfo wakwaThixo wathumela isilumkiso kukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Musa ukudlula kwelo cala, kuba ama-Aram ehlela ngakhona.”
10. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wayijonga loo ndawo yayikhonjwa ngumfo wakwaThixo. Kwaba kaninzi uElisha elumkisa ukumkani, waza ke wahlala eyilumkele loo migibe.
11. Le nto ke yamcaphukisa ukumkani wakwa-Aram, waza wabiza amaphakathi akhe, wathi: “Apha phakathi kwethu ngubani ongakumaSirayeli?”
12. Elinye ke laphendula lathi: “Mhlekazi, akukho mntu ungakumaSirayeli apha kuthi; into ekhoyo kukuba uElisha, umshumayeli wakwaSirayeli, wazi namazwi owathethe egumbini lakho lokulala, aze kananjalo awaxelele ukumkani wakwaSirayeli.”
13. Ukumkani wakwa-Aram ke wathi: “Hambani niye kumjonga apho akhoyo, ukuze ndithumele amadoda aye kumbamba.”Ke ilizwi labuya lisithi: “Nanko eDotan.”
14. Waza ke wathumela amahashe neenqwelo nomkhosi owomeleleyo. Bafika ngobusuku, basingqinga isixeko eso.
15. Sithe ke sakuvuka isicaka somfo wakwaThixo, ekuseni ngentsasa elandelayo, sabona kuthe thinte umkhosi, ingamahashe neenqwelo, isixeko usingqingile. Isicaka sathi kuye: “Yaz'ba siya kuthini na, nkosi yam?”
16. Ke yena umshumayeli wathi: “Hayi, musa ukoyika! Aba bangakuthi baninzi kunabo bangakubo.”
17. UElisha wathandaza wathi: “Ndikhoyo, khawuwavule amehlo akhe, ukuze abone.” UNdikhoyo ke wawavula amehlo esicaka eso, saza sathi sakukhangela sabona intaba inyakazela ngamahashe neenqwelo zomlilo, ziphahle uElisha.
18. Luthe xa luhlayo utshaba olo lusiza ngakuElisha, suka yena wathandaza kuNdikhoyo wathi: “Khawubethe aba bantu ngobumfama.”UNdikhoyo ke wabatsho baziimfama ngokwesicelo sikaElisha.
19. UElisha wathi kubo: “Ayisiso esi sixeko nisifunayo esi, ingeyiyo nendlela eya kuso le! Landelani mna, ndinise kuloo mntu nimfunayo.” Waza ke wabakhokelela eSamariya.