2 Yookumkani 16:4-12 Ibhayibhile (XHO96)

4. Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.

5. Ke uRezin, ukumkani wakwa-Aram, kunye noPeka, unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, basuka bahlasela iJerusalem, bayingqinga nakuba bengayoyisanga.

6. Ngelo thuba ke ukumkani uRezin wakwa-Aram wayibuyisela kwa-Aram iElati, wabagxotha kuyo abantu bakwaJuda. Aza ke angena ema khona amaSiriya unanamhla.

7. UAhazi ke wathumela izigidimi kuTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, esithi kuye: “Mna ndisisicaka nebamba lakho; ngoko ke nceda uze kundihlangula, naku ndihlaselwa ngukumkani wakwa-Aram ekunye nowakwaSirayeli.”

8. Kananjalo ke uAhazi wayithatha isiliva kunye negolide ezazisendlwini kaNdikhoyo nakoovimba bakomkhulu, wazithumela zasisipho arhuma ngaso kukumkani waseAsiriya.

9. Ukumkani waseAsiriya ke wasamkela eso sicelo, waza ke wahlasela iDamasko. Abemi bakhona wabafudusela eKiri, ke yena uRezin wambulala.

10. Ukumkani uAhazi wahlangabeza ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere eDamasko. EDamasko ke apho wabona iqonga lamadini, waza wathumela kumbingeleli u-Uriya emnika iplani yalo neenkcukacha zokwakha elifana nalo.

11. Umbingeleli u-Uriya ke wakha iqonga lamadini ngokwezo nkcukacha wayezithunyelelwe ngukumkani uAhazi eseDamasko. Iqonga elo waligqiba engekabuyi eDamasko ukumkani uAhazi.

12. Ekubuyeni kwakhe ke, ukumkani walibona iqonga elo, waza wenza amadini kulo.

2 Yookumkani 16