2 Yeziganeko 36:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. UZedekiya wamvukela ukumkani uNebhukadenezare owayemfungise ngegama likaThixo. Wasuka walukhuni waneenkani, akavuma ukubuyela *kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

14. Ngaphezu koko ke zonke iinkokheli zababingeleli nezabantu zasuka azanyaniseka ngakumbi, zalandela izenzo ezimasikizi zeentlanga, baza ke bayixabhela indlu kaNdikhoyo, leyo yena wayingcwalisayo eJerusalem.

15. Ke kaloku uNdikhoyo uThixo wooyise waphindelela ukubalumkisa ngamazwi awawathumela ngezithunywa zakhe evelana nabantu bakhe ndawonye nendawo yakhe yokuhlala.

16. Kodwa ke bona basuka baphoxisa ngazo izithunywa zakhe, bawadelela amazwi akhe, bebagxeka abashumayeli bakhe; yada ke ingqumbo kaNdikhoyo yavuseleleka mayela nabantu bakhe, ayabi sanqandeka.

17. Wabaxhokonxela ukumkani wamaKaledi, owababulalayo abafana babo ngekrele, ebabulalela endaweni engcwele; ewe, akasindisanga mfana nantombi, ndoda naxhego. Xa bebonke uThixo wabanikezela esandleni sokumkani wamaKaledi.

18. Yena ke wazithatha zonke izinto ezazisetyenziswa endlwini kaThixo waya nazo eBhabheli – konke nje, ezincinci kwanezinkulu ndawonye nobutyebi bendlu kaNdikhoyo, nobukakumkani, nobamaphakathi.

19. Indlu kaThixo bayintumeka umlilo, baludiliza udonga lweJerusalem, baza bazitshisa nezixeko, batshabalalisa yonke into exabisekileyo khona.

20. Ke amasalela abhungcayo kwikrele wawathimba wawasa eBhabheli, aba zizicaka zakhe nezoonyana bakhe, wada ke wathwasa umbuso wasePeshiya.

21. Ngale ndlela ke azaliseka amazwi kaNdikhoyo awathethwa nguJeremiya, laza ilizwe laxhamla iminyaka yalo yokuphumla. Ewe, lonke elo xesha lalingamiwanga ilizwe beliphumla, nditsho iminyaka emashumi asixhenxe.

22. Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa:

23. “Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi; kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda. Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye khona.’ ”

2 Yeziganeko 36