Ngale ndlela ke azaliseka amazwi kaNdikhoyo awathethwa nguJeremiya, laza ilizwe laxhamla iminyaka yalo yokuphumla. Ewe, lonke elo xesha lalingamiwanga ilizwe beliphumla, nditsho iminyaka emashumi asixhenxe.