2 Yeziganeko 21:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uYoshafati waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena uYehoram unyana wakhe.

2. Abantakwabo-Yehoram, oonyana bakaYoshafati, yayingooAzariya, uYehiyeli, uZakariya, uAzariyahu, iMikayeli, noShefatiya. Bonke abo ke ngoonyana bakaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli.

3. Uyise wabanika intaphane yezipho: isiliva, igolide, nezinto ezixabisekileyo, kananjalo nezixeko ezinqatyisiweyo kwelakwaJuda. Kambe ke wona umbuso wawunika uYehoram, kuba kaloku wayengunyana wamazibulo.

4. Akuba ezinzile embusweni kayise uYehoram wababulala bonke abantakwabo ndawonye namatshawe athile akwaSirayeli.

5. Ukuqala kwakhe ukulawula uYehoram wayeneminyaka emashumi mathathu anambini, waza ke walawula eJerusalem iminyaka yasibhozo.

6. Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wenza njengendlu ka-Ahabhi. Kaloku wayethathe intombi yakhe. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.

7. Kambe ke, ngenxa yomnqophiso kaNdikhoyo nendlu kaDavide, uNdikhoyo akavumanga ukuyitshabalalisa indlu kaDavide. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.

2 Yeziganeko 21