2 Kasamweli 7:14-29 Ibhayibhile (XHO96)

14. Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam, xa onile abantu ndiya kubenza intonga endimohlwaya ngabo nemivumbo endimbetha ngabo.

15. Inceba yam ayisayi kuze ishenxe kuye njengokuba ndênjenjalo kuSawule endamsusa esihlalweni ukuze kungene wena.

16. Indlu yakho ndiya kuyizinzisa, ubukumkani bakho buhlale buhleli, ulawulo lwakho luhlale ngonaphakade.’ ”

17. Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.

18. Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Nkosi yam Ndikhoyo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku?

19. Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Nkosi yam Ndikhoyo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ngaba le yindlela yakho omphatha ngayo umntu, Nkosi yam Ndikhoyo?

20. “Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Nkosi yam Ndikhoyo? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho.

21. Ngenxa yelizwi lakho nangokokuthanda kwakho wenze le nto inkulu kangaka, ngenxa yesithembiso nobubele bakho, waza wayazisa kwisicaka sakho.

22. “Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

23. Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze azenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha kunye *noothixo bazo, khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa.

24. Ubazinzisile abantu bakho amaSirayeli, wabenza bangabakho ncakasana ngonaphakade. Wena ke, Ndikhoyo, waba nguThixo wabo.

25. “Ngoku ke, Thixo Ndikhoyo, isithembiso osenzileyo ngokuphathelele kwisicaka sakho kunye nendlu yaso mawusigcine ngonaphakade. Yenza ngokwesithembiso sakho

26. ukuze igama lakho libalasele ngonaphakade. Nabantu ke botsho bathi: ‘UNdikhoyo onamandla onke nguThixo kaSirayeli.’ Nendlu yesicaka sakho uDavide ke iya kuzinza phambi kwakho.

27. “Nguwe kaloku, Ndikhoyo onamandla onke, Thixo wakwaSirayeli, ondityhilele ezi zinto mna sicaka sakho. Nguwe othe: ‘Indlu yakho ndiza kuyakha.’ Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokwenza kuwe lo mthandazo.

28. Nkosi yam Ndikhoyo, wena unguThixo, yaye amazwi akho athembekile. Isicaka sakho usenzele esi sithembiso sihle kangakanana.

29. Ndiyakubongoza ke, yithamsanqele indlu yesicaka sakho, ize ihlale ikukhonza njalo. Kaloku, Ndikhoyo, Nkosi yam, kutsho wena ukuba indlu yesicaka sakho uya kuhlala uyithamsanqela ngonaphakade.”

2 Kasamweli 7