2 Kasamweli 19:22-39 Ibhayibhile (XHO96)

22. UDavide wathi: “Yintoni endidibanisa nani, bonyana bakaZeruya? Kutheni le nto nifana neentshaba kum namhlanje? Kaloku ndim ngoku ukumkani wakwaSirayeli; ngoko ke akukho mSirayeli uya kubulawa namhlanje.”

23. Uqhube wathi ebhekisa kuShimeyi: “Akuyi kufa.” Waza ke ukumkani wathembisa oku ngesifungo.

24. Kufike uMefibhoshete, umzukulwana kaSawule, naye eze kukhawulela ukumkani. Wayengazange azihlambe iinyawo, achebe amabhovu, nezambatho sezawagqibela kudala amanzi, okoko wemkayo eJerusalem uDavide kude kuze kuba yile mini abuya noloyiso.

25. Uthe akufika evela eJerusalem, wathi kuye ukumkani: “Mefibhoshete, kwakutheni ukuze ungahambi nam?”

26. Uphendule ngelithi uMefibhoshete: “Mhlekazi, nkosi yam, uyazi ukuba ndisisiqhwala. Ndathi isicaka sam uZibha masibophe idonki ndihambe ngayo ndikukhaphe, kodwa sona sasuka sandiphoxa.

27. Saza kuxoka ngam kuwe, mhlekazi. Kambe ke wena mhlekazi, nkosi yam, usisithunywa sikaThixo – yenza loo nto ubona ifanele.

28. Kwathi umzi kabawo umelwe kukubulawa, wena wathi mandiye kuhlala kwakho. Andisenako nokuba ndibe sacela isisa kuwe ngoku, mhlekazi.”

29. Ukumkani wathi kuye: “Musa ukuba sathetha; ndigqibe kwelokuba wena noZibha nahlulelane ngomhlaba kaSawule.”

30. UMefibhoshete wathi kukumkani: “Makakuthathe konke uZibha, mhlekazi. Mna ndixolile kukubona wena ubuyela ekhaya.”

31. UBhazilayi waseGiliyadi wayekho naye, evela eRogelim, eze kuphuthuma ukumkani eJordan.

32. Wayesele eyinkonde emashumi asibhozo ubudala. Wayesisityebi, esoloko emondla ukumkani ngokuya wayeseMahanayim.

33. Ukumkani wathi kuBhazilayi: “Masiye eJerusalem, wondliwe ndim wena ngoku.”

34. Uthe uBhazilayi: “Mhlekazi, seyimbalwa imihla yokudla kwam ubomi; ndiza kuba sahambela ntoni ukuya nokumkani eJerusalem?

35. Sendimashumi asibhozo ubudala; akusekho nto imnandi nembi kum. Ukutya nento eselwayo azisenancasa kum; andisawuva nomculo weemvumi neemvumikazi. Ndingasuka ndibe ngumthwalo kuwe ngoku, mhlekazi, nkosi yam.

36. Noko andikufanelanga ukuba ukumkani andivuze ngolo hlobo. Ndiza kuhamba nje ithutyana, ndikukhaphe uwele iJordan,

37. emva koko ndijike ndigoduke, ndiye kufela ngakumathambo kabawo noma. Nasi isicaka sakho uKimam; ungahamba naso, mhlekazi, usenzele loo nto wena ubona ukuba isilungele.”

38. Uthe ukuphendula ukumkani: “Makahambe nam uKimam; ndomenzela into efunwa nguwe. Wena ndingakwenzela nantoni na oyifunayo.”

39. Wayiwela ke iJordan ukumkani uDavide nawo onke amadoda omkhosi wakhe. Uthe akuba ngaphesheya wajika wanga uBhazilayi, wamthamsanqela, waza ke uBhazilayi wajika wagoduka.

2 Kasamweli 19