2 Kasamweli 18:21-33 Ibhayibhile (XHO96)

21. Waza ke uJowabhi wathi kumfo waseKushe: “Yiya kuxelela ukumkani oko ukubonileyo.” Wakhahlela umKushe, wangena endleleni.

22. UAhimazi unyana kaZadoki waphinda wathi kuJowabhi: “Kungehla okuhlayo, ndiyeke ndingene endleleni emva kwaloo mKushe.”“Kutheni wafuna ukuya ngokwakho kukumkani? Akukho mvuzo aza kukunika wona phofu,” utshilo uJowabhi.

23. “Ndithe kuwe kungehla okuhlayo, ndifuna ukuhamba,” utshilo uAhimazi.Ke uJowabhi wathi: “Thatha khona!” Wasuka ke uAhimazi wangena endleleni, waya kuthi gubhu kulaa ntili yeJordan, wamshiya endleleni umKushe lowo.

24. UDavide wayehleli kwindawo ephakathi kwamasango angaphakathi nawangaphandle kwesixeko. Kwesuka umlindi waya kukhwela phezu kodonga lwesixeko, wema ngapha kophahla lwesango, wondela, wabona kukho indoda ehamba yodwa, ibaleka.

25. Wabhekisa ngezantsi kukumkani, wamxelela, waza ukumkani wathi: “Xa ehamba yedwa uzisa iindaba zovuyo.” Eso sigidimi saya sisondela ngokusondela.

26. Ubuye wabona esinye isigidimi loo mlindi, wabhekisa kumgcini-masango wathi: “Nantso nenye indoda isiza ibaleka iyodwa.”Uthe ukumkani: “Nalowo usekwaza neendaba ezimnandi.”

27. Uthe umlindi: “Ukubaleka kwakhe lo ungaphambili ngathi nguAhimazi unyana kaZadoki.”Ukumkani wathi: “Kowu, lilunga lomfo elo; usiphathele iindaba zovuyo.”

28. UAhimazi wabhekisa kukumkani wathi: “Izinto zihamba kakuhle!” Wafika wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni, wathi, “Mbonge uNdikhoyo uThixo wakho! Uboyisile abo bebeyivukela inkosi yam ukumkani!”

29. Ukumkani wathi: “Ngaba usindile umfana uAbhasalom?”Uphendule wathi uAhimazi: “Mhlekazi, ngokuya bendithunywa nguJowabhi iphakathi lakho, ndibone kukho isiphithi-phithi, phofu andingetsho ukuba bekutheni na.”

30. Ukumkani wathi: “Khawume bucala ulinde.” Wahamba ke, waya kuma bucala.

31. Ke kaloku wafika umKushe, wathi kukumkani: “Ndize neendaba zovuyo, mhlekazi, nkosi yam! Namhlanje uNdikhoyo ukugwebele waboyisa bonke abo bebekuvukela.”

32. Ukumkani wathi kumKushe: “Yena umfana uAbhasalom usindile phofu?”UmKushe wathi: “Mhlekazi, bendinga into emhleleyo unyana wakho ibinga ingenzeka kuzo zonke iintshaba zakho, nakwabo bakuvukelayo.”

33. Ukumkani waba nengevane, wenyuka waya kwigumbi eliphezu kwesango, wafika walila. Wayehamba elila, esithi: “Yini umntwana wam! Awu, nyana wam Abhasalom, nyana wam Abhasalom! Akwaba ibindim ofileyo, Abhasalom, nyana wam, nyana wam!”

2 Kasamweli 18