2 Kasamweli 14:21-33 Ibhayibhile (XHO96)

21. Emva koko ke ukumkani uDavide ubhekise kuJowabhi wathi: “Kulungile ke, ndiya kukhululela; hamba uye kumlanda laa mfana uAbhasalom.”

22. Waziphosa phantsi ke uJowabhi ekhahlela, edomboza ebulela ukumkani, wenjenje: “Ngoku isicaka sakho siyazi ukuba uyakholiseka siso, mhlekazi nkosi yam, kuba undenzele isicelo sam.”

23. Wasuka ke uJowabhi wenjenjeya ukusinga eGeshuri, esiya kulanda uAbhasalom, weza naye eJerusalem.

24. Akuba efikile ukumkani wathi: “Makaye kuzihlalela endlwini yakhe uAbhasalom; akafuneki nganto apha kum ebhotwe.” Waya kuzihlalela emzini wakhe ke uAbhasalom, akaba savela phambi kokumkani.

25. Kwakungekho bani wayenokufaniswa noAbhasalom ngobunzwana kuye wonke uSirayeli. Wayeyinzwana engenasiphako ukusuka entendeni yonyawo lwakhe kuye kutsho phezulu entloko.

26. Wayesithi akucheba intloko (nto leyo wayeyenza minyaka le, kuba zazisuka zibe nde kakhulu iinwele zakhe) aziveyishe ezo nwele, zibe sisibini seekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo owawusetyenziswa komkhulu.

27. Wayenoonyana abathathu uAbhasalom, kunye nentombi eyayinguTamare igama, inzwakazi enomkhitha.

28. Kwadlula iminyaka emibini eseJerusalem uAbhasalom, kodwa engekabonani nokumkani.

29. Ke uAbhasalom wabiza uJowabhi ukuze amthume kukumkani. Wala ukuza yena uJowabhi. Waphinda wathumela okwesibini, wala kwakhona uJowabhi.

30. Uthe ke kwizicaka zakhe uAbhasalom: “Intsimi kaJowabhi nantsiya inengqolowa ngakuleya yakuthi; yiyani niyintumeke umlilo.” Zaya, zayitshisa intsimi kaJowabhi izicaka zika-Abhasalom.

31. Wasuka ke uJowabhi waya kwa-Abhasalom, wafika wathi kuye: “Ziyitshiseleni izicaka zakho intsimi yam?”

32. UAbhasalom wathi kuJowabhi: “Bendithumele abantu kuwe ndisithi mawuze apha ukuze ndikuthume kukumkani undibuzele uthi: ‘Ndibuyele ntoni eGeshuri? Bekukuhle ndibe ndiselapho nangoku.’ Ngoku ke ndifuna ukubonana nokumkani, ukuze athi, ukuba ndisenetyala, andibulale, ndife kube kanye.”

33. UJowabhi undulukile waya kukumkani, wafika wamxelela oko. Uthe ukumkani makabizwe uAbhasalom. Uthe akufika kukumkani uAbhasalom waqubuda phambi kokumkani ekhahlela ubuso ebujongise emhlabeni, waza yena ukumkani wamanga.

2 Kasamweli 14