15. Ewe, ukumkani akabaphulaphulanga abantu, phofu ke ukuhamba kwezinto ngale ndlela kwakuvela *kuNdikhoyo, efezekisa ilizwi awalithetha kuJerobhowam unyana kaNebhati ngomlomo ka-Ahiya waseShilo.
16. Ke uSirayeli ewonke uthe akubona ukuba ukumkani uyala ukuphulaphula, wamphendula wathi:“Sinasabelo sini na kuDavide?Sinanxaxhebani na kunyana kaJese?Godukani, maSirayeli!Ke wena, Davide, jongana nendlu yakho!”Ngoko ke amaSirayeli agoduka.
17. Kambe ke wona amaSirayeli awayemi kwiidolophu zakwaJuda ahlala ephantsi kolawulo lukaRehobhowam.
18. Ukumkani uRehobhowam wathumela uAdoniram owayeyingqwayi-ngqwayi kwabasebenza ngonyanzelo, kodwa amaSirayeli asuka amxuluba ngamatye wafa. Phofu ke yena ukumkani waba nako ukungena enqwelweni, asabele eJerusalem.
19. Unanamhla ke uSirayeli usavukelene nendlu kaDavide.
20. AmaSirayeli athe asakuqonda ukuba uJerobhowam ubuyile, ambizela embizweni, aza ammisela wangukumkani kaSirayeli ephela, yaba yindlu kaJuda yodwa eyasala isephantsi kwendlu kaDavide.
21. Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli, alubuyisele ulawulo kuRehobhowam unyana kaSolomon.
22. Kambe ke kwafika eli lizwi likaThixo kuShemaya umfo wakwaThixo lisithi:
23. “Thetha noRehobhowam unyana kaSolomon ukumkani wakwaJuda, nayo yonke indlu kaJuda nekaBhenjamin, nakubo bonke abaseleyo, uthi:
24. ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu amaSirayeli. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke balithobela ilizwi likaNdikhoyo, bagoduka ngokomyalelo wakhe.
25. UJerobhowam wayixhobisa iShekem kwelo lakwaEfrayim, waza wahlala khona. Kananjalo waya kuyakha nePeniyeli.