11. Ukuba ubawo ubenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiza kuyenza ibe nzima ngaphezulu. Ubawo ebenibetha ngoswazi, ke mna ndonikatsa ngemvubu.’ ”
12. Emva kweentsuku ezintathu ke uJerobhowam nabantu bonke babuyela kuRehobhowam ngokwaloo mlomo wakhe owawuthe: “Ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.”
13. Ke ukumkani wabaphendula rhabaxa abantu, walilahla icebiso lamadoda amakhulu,
14. wathatha elabafana, wathi: “Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu. Mna ke ndiza kuyenza ibe nzima ngaphezulu. Njengoko yena ubawo ebenibetha ngoswazi, ke mna ndiza kunikatsa ngemvubu.”
15. Ewe, ukumkani akabaphulaphulanga abantu, phofu ke ukuhamba kwezinto ngale ndlela kwakuvela *kuNdikhoyo, efezekisa ilizwi awalithetha kuJerobhowam unyana kaNebhati ngomlomo ka-Ahiya waseShilo.
16. Ke uSirayeli ewonke uthe akubona ukuba ukumkani uyala ukuphulaphula, wamphendula wathi:“Sinasabelo sini na kuDavide?Sinanxaxhebani na kunyana kaJese?Godukani, maSirayeli!Ke wena, Davide, jongana nendlu yakho!”Ngoko ke amaSirayeli agoduka.
17. Kambe ke wona amaSirayeli awayemi kwiidolophu zakwaJuda ahlala ephantsi kolawulo lukaRehobhowam.
18. Ukumkani uRehobhowam wathumela uAdoniram owayeyingqwayi-ngqwayi kwabasebenza ngonyanzelo, kodwa amaSirayeli asuka amxuluba ngamatye wafa. Phofu ke yena ukumkani waba nako ukungena enqwelweni, asabele eJerusalem.
19. Unanamhla ke uSirayeli usavukelene nendlu kaDavide.
20. AmaSirayeli athe asakuqonda ukuba uJerobhowam ubuyile, ambizela embizweni, aza ammisela wangukumkani kaSirayeli ephela, yaba yindlu kaJuda yodwa eyasala isephantsi kwendlu kaDavide.
21. Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli, alubuyisele ulawulo kuRehobhowam unyana kaSolomon.