1 Yeziganeko 29:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukumkani uDavide wathetha nebandla likaSirayeli liphela, wathi: “Unyana wam uSolomon, lo unyulwe *nguNdikhoyo, noko uselula, yaye ke akanamava. Umsebenzi lo ke wona mkhulu, kuba eli bhotwekazi liza kwakhiwa asilamntu, koko lelikaNdikhoyo uThixo.

2. Mna ndenze unako-nako ndiqokelela izinto ezingamalungiselelo okwakha indlu kaThixo: oozigolide kumsebenzi oza kwenziwa ngegolide, isiliva kwizinto eziza kwenziwa ngesiliva, ubhedu kwizinto eziza kwenziwa ngobhedu, intsimbi kwizinto eziza kwenziwa ngentsimbi, kanti nomthi kwezomthi; namatye axabisekileyo okuhombisa: oozionike noomatekosi, amatye amibala-bala, nazo zonke iindidi zamatye axabisekileyo nemàbhula. Zonke ke ezi zinto zikho ngendlu yazo.

3. Ngaphezu koko ke ngangokuba ndizinikezele kule ndlu kaThixo wam, ngoku ndinikezela ngobutyebi bam, igolide nesiliva, khon' ukuze kwakhiwe indlu kaThixo wam.

4. Ezi ke izinto zithe geqe kumalungiselelo endiwenzileyo okwakha le ndlu ingcwele ngaphezu kweetoni ezilikhulu zegolide yodidi, nesiliva ecwengileyo ekwisithuba seetoni ezingamakhulu amabini namashumi amane. Ke yona yeyokuhombisa iindonga zendlu kaThixo,

5. nazo zonke izinto eziya kwenziwa ngamagcisa. Namhlanje ke ndicela umngeni kuye wonke umntu ozivayo; makakhuphe nantoni na, anikele kuNdikhoyo!”

6. Ngoko ke iinkulu zezindlu, namaphakathi ezizwe zikaSirayeli, neengqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka nalikhulu, ngokunjalo namaphakathi kakumkani, xa bebonke banikela ngezandla ezivulekileyo.

7. Kulo msebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo zanikela igolide engaphezu kwekhulu elinamashumi asixhenxe eetoni, neetoni zesiliva ezingaphezu kwamakhulu amathathu anamashumi amane, neetoni zobhedu ezikwisithuba samakhulu amathandathu anamashumi amabini, neetoni zentsimbi ezingaphezu kwamawaka amathathu anamakhulu amane.

8. Umntu onamatye axabisekileyo wayenikela ngawo apho kuvimba wendlu kaNdikhoyo, zigcinwe nguYehiyeli umGershon.

9. Nabantu ke bavuyiseka yindlela ezakuthakazelela ngayo iinkokheli zabo ukunikela; kaloku zanikela kuNdikhoyo ngezandla ezivulekileyo. Kananjalo ke naye ukumkani uDavide wavuya kakhulu.

10. Ke kaloku uDavide wabonga *uNdikhoyo phambi kwalo lonke ibandla likaSirayeli, wathi:“Ungowokubongwa, wena Ndikhoyo,Thixo kabawo wethu uSirayeli,kuse ephakadeni lasemaphakadeni.

1 Yeziganeko 29