1 Yeziganeko 28:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Wamyala ngezigaba zababingeleli nabaLevi nangawo wonke umsebenzi wokulungiselela endlwini kaNdikhoyo, nangokuphathelele kwizinto ezisetyenziswayo apho ekulungiseleleni endlwini kaNdikhoyo.

14. Wabumisa nobunzima begolide eya kusetyenziswa kuyo nayiphi na into eyenziwa ngayo, ngokunjalo nobunzima besiliva kuzo zonke izinto ezaziza kwenziwa ngayo.

15. Ubunzima begolide yeziphatho-zibane, neyezibane, ubunzima begolide yesiphatho-sibane ngasinye nezibane zaso, nobunzima besiliva kuso ngasinye isiphatho sibane esenziwe ngesiliva kunye nezibane zaso, ngokomsebenzi wesiphatho-sibane eso;

16. ubunzima begolide kwitafile nganye yesonka somnikelo; ubunzima besiliva kwitafile nganye eyenziwe ngesiliva;

17. ubunzima begolide ecwengileyo yokwenza iifolokhwe, izitya zokufefa, namathunga; ubunzima begolide kwisitya ngasinye esenziwe ngegolide, nobunzima besiliva kwisitya esenziwe ngesiliva;

18. ubunzima begolide ecwengileyo yokwenza iqonga lesiqhumiso. Kananjalo wamnika neplani yokwenziwa kwenqwelo leyo yezo *zithunywa zimaphiko zazenziwe ngegolide, ezo zazithe naa amaphiko zifihle ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.

19. UDavide wathi: “Yonke le nto ke ibhaliwe, kuba kaloku isandla sikaNdikhoyo sasiphezu kwam, wandinika ukuqiqa nokubuqonda bonke ubucukubhede.”

20. UDavide ke uqhube wathi kunyana wakhe uSolomon: “Yomelela ukhaliphe, uwenze lo msebenzi. Uze ungakhe ube nayo idyudyu, utyhafe; kaloku uNdikhoyo uThixo onguThixo wam ungakuwe. Akasokuze akuyekele, okanye akulahle, ude ube uphumelele wonke lo msebenzi wokwakhiwa kwendlu yakhe.

21. Izigaba zababingeleli nabaLevi seziwulungele wonke umsebenzi wendlu kaThixo, yaye ke yonke indoda ezimiseleyo kulawo anobuchule nakuyiphi na inkalo iya kusebenzisana nawe kuwo wonke umsebenzi. Onke amagosa nabantu ngokunjalo baya kuwuthobela nawuphi na umyalelo wakho.”

1 Yeziganeko 28