1. UDavide wawabiza onke amagosa akwaSirayeli ukuze aze kuhlangana eJerusalem: iinkokheli zezindlu, neenkokheli zamabakala ngamabakala kwabasebenza komkhulu, neengqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka kunye nalikhulu, namagosa ajongene nemihlaba nemfuyo (zinto ezo izezikakumkani noonyana bakhe), ndawonye namaphakathi asebhotwe, amagorha namatsha-ntliziyo amajoni.
2. Ukumkani uDavide waphakama, waza wathi: “Khanindiphulaphule, mawethu, nani bantu bam. Ndandizimisele ukwakha indlu ukuze ibe yindawo ephumla kuyo ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo, esisihlalo seenyawo zoThixo wethu. Ndiwenzile ke amalungiselelo,
3. kodwa uThixo uthe kum: ‘Asinguwe oza kwakhela igama lam indlu. Kaloku wena ulijoni, ibe ke uliphalazile igazi.’
4. “Kambe ke uNdikhoyo uThixo kaSirayeli unyule mna kwindlu kabawo, ukuze ndilawule ngonaphakade kwaSirayeli. Wanyula uJuda ukuba abe yinkokheli, waza ke kwindlu kaJuda wanyula umzi kabawo; koonyana bakabawo ke wabona kufanelekile ukuba andenze ukumkani kwaSirayeli.
5. Kubo bonke oonyana bam – ibe ke uNdikhoyo undiphe babaninzi – unyule unyana wam uSolomon ukuba ahlale esihlalweni sombuso kaNdikhoyo phezu koSirayeli.
6. UNdikhoyo uthethe nam wathi: ‘Ngunyana wakho uSolomon oya kundakhela indlu kunye neenkundla zam, kuba ndinyule yena ukuba abe ngunyana wam, mna ke ndibe nguyise.
7. Umbuso wakhe ndiya kuwuzinzisa ume ngonaphakade, ukuba ngaba yena uthe akagungqa ekuyithobeleni ayenze imiqathango nemithetho yam, njengoko kusenziwa ngoku.’
8. “Ngoko ke ngoku ndiyakuyala apha phambi koSirayeli ephela nalo eli bandla likaNdikhoyo; ewe, ndithetha phambi koThixo wethu: Imiqathango kaNdikhoyo uThixo wakho yithobele ngenyameko, khon' ukuze nime kweli lizwe lihle kunene, nilidlulisele nakwizizukulwana ngezizukulwana, ukuze libe lilifa lazo ngonaphakade.
9. “Ke wena, nyana wam Solomon, uze uhambisane noThixo kayihlo, umkhonze ngokuzimisela ngomxhelo wakho uphela nangengqondo evumayo, kuba kaloku uNdikhoyo uyayigoca-goca intliziyo, yaye ke uyaziqonda iinjongo zeengcinga zomntu. Ukuba uyamlangazelela uza kumfumana; kambe ke xa uthe wamlahla uya kukubukula kude kube ngunaphakade.
10. Ngoku ke zikisa ukucinga, kuba kaloku uNdikhoyo ukunyulele ukuba umakhele indlu engcwele. Ngoko ke yomelela uwenze lo msebenzi.”