1 Yeziganeko 28:1 Ibhayibhile (XHO96)

UDavide wawabiza onke amagosa akwaSirayeli ukuze aze kuhlangana eJerusalem: iinkokheli zezindlu, neenkokheli zamabakala ngamabakala kwabasebenza komkhulu, neengqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka kunye nalikhulu, namagosa ajongene nemihlaba nemfuyo (zinto ezo izezikakumkani noonyana bakhe), ndawonye namaphakathi asebhotwe, amagorha namatsha-ntliziyo amajoni.

1 Yeziganeko 28

1 Yeziganeko 28:1-4