21. kwisiqingatha sesizwe sikaManase esiseGiliyadi: yayinguIdo unyana kaZakariya;kwaBhenjamin yayinguYasiyeli unyana ka-Abhinere;
22. kwaDan yayinguAzareli unyana kaJeroham.Zizo ezo ke izibonda zezizwe zakwaSirayeli.
23. Ukumkani uDavide zange ababale abafana abaminyaka imashumi mabini nangaphantsi, kuba uNdikhoyo wayethembise ukuwandisa amaSirayeli abe ngangeenkwenkwezi esibhakabhakeni.
24. Phofu uJowabhi unyana kaZeruya walinga ukuwabala, kodwa zange agqibe. Ingqumbo kaThixo yawahlela amaSirayeli ngenxa yolu balo, kwaza kwayekwa amanani engekabhalwa engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.
25. Naba abalawuli bobutyebi bakomkhulu:uAzemavete unyana ka-Adiyeli wayelawula oovimba bakomkhulu;uJonatan unyana kaUziya: oovimba abasemaphandleni, noovimba abasezidolophini, noovimba abasezilalini, noovimba bomkhosi;
26. uEzri unyana kaKelubhi: amasimi;
27. uShimeyi waseRama: izidiliya;uZabhedi waseShifemoti: izisele zewayini;
28. uBhali-hanani waseGedore: iminquma nemithombe esezintilini;uYowashe: izisele zamafutha omnquma;
29. uShitrayi waseSharon: iinkomo ezikumadlelo aseSharon;uShafati unyana ka-Adelayi: iinkomo ezisezintilini;
30. uObhili umIshmayeli: iinkamela;uYedeya waseMeroniti: iidonki;
31. uYozizi umHagri: iigusha neebhokhwe.Bonke aba babephathiswe impahla kakumkani uDavide.
32. UJonatan, uyisekazi kaDavide, ebeliphakathi. Wayeyindoda ekrele-krele efundileyo. Yena noYehiyeli unyana kaHakimoni babengabaqeqeshi boonyana bakakumkani.
33. UAhitofele ebeliphakathi likakumkani. UHushayi umArki wayengumhlobo kakumkani.
34. Emva kokusweleka kuka-Ahitofele uJoyada unyana kaBhenaya noAbhiyatare baba ngamaphakathi. Injengele yomkhosi kakumkani yayinguJowabhi.