1 Kwabasekorinte 15:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoku ke, mawethu, ndithanda ukunikhumbuza ngeendaba ezimnandi zikaThixo endanishumayeza zona; ezo nazamkelayo, enimi nithe zinzi kuzo.

2. Ludaba lukaThixo ke olo, enosindiswa ngalo ukuba nibambelele ngokuthe nkqi kulo ngale ndlela ndinishumayeza ngayo – ngele kokuba ke nafumana nakholwa lilize nje.

3. Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho *kweziBhalo,

4. nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo;

5. waza wabonakala kuPetros, wabonwa nangabo bonke abathunywa abalishumi elinambini.

6. Emva koko ubonakele ngaxesha-nye nakubalandeli bakhe abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasekhoyo nangoku abaninzi babo, nakuba babhubhayo nje abanye.

7. Uphindile wabonwa nanguYakobi, wabonwa *nangabathunywa xa bebonke.

8. Ke ekugqibeleni, ngokungathi mna ndizelwe emva kwexesha, wabonwa nandim.

9. Ke kuba mna ndingoyena uphantsi kubo bonke abathunywa, akufanele nokuba kuthiwe ndingumthunywa, kuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.

10. Kodwa ngesisa sikaThixo ndiyile nto ndiyiyo, yaye nesisa andibabala ngaso uThixo andidlalanga ngaso. Ndisuke ndasebenza ukudlula bonke abathunywa, phofu ingendim, koko inguThixo osebenza ngam ngesisa sakhe.

11. Ngoko ke nokuba ndim, nokuba ngabo, sishumayela udaba olunye; ke nina nalwamkela.

12. Njengokuba thina sishumayela ukuba uKrestu wavuka nje ekufeni, batsho njani ke abanye benu ukuba abafileyo abavuki ekufeni?

1 Kwabasekorinte 15