1. Ke kaloku uthe uSamweli akwaluphala wamisela oonyana bakhe baba ziinkokheli zamaSirayeli.
2. Unyana omkhulu wayenguJoweli, omncinci inguAbhiya. Babeziinkokheli eBheshebha.
3. Kambe ke bona babengamfuzanga uyise; bona babesemva kwenzuzo ngobuqhetseba, bengamathanda-kunyotywa, belamla ngesheyi.
4. Amadoda amakhulu ke akwaSirayeli aqokelelana, aya kutsho eRama kuSamweli,
5. afika athi kuye: “Sewaluphele wena ngoku, yaye noonyana bakho abakufuzanga mpela. Ngoko ke sityumbele ukumkani, khon' ukuze nathi sifane nezinye izizwe, sibe nokumkani osilawulayo.”
6. Samngena kakubi uSamweli isicelo sabo sokufuna ukumkani. Wabhenela *kuNdikhoyo,
7. waza wathi kuye uNdikhoyo: “Bek' iindlebe uyiphulaphule into abayithethayo aba bantu. Ababukuli wena; ndim lo bangamfuniyo ukuba abalawule.
8. Okoko ndaphuma nabo eJiputa, kude kube namhlanje, basoloko bendifulathela bekhonza thixo bambi; nangoku basayenza loo nto!
9. Siphulaphule isicelo sabo, kodwa uze ubaqononondise ibacacele impatho abaya kuyifumana kwabo kumkani babafunayo.”
10. USamweli wawaxelela ke amaSirayeli awayefuna ukumkani konke okwathethwa nguNdikhoyo,
11. wathi: “Ukumkani oya kunilawula uya kwenjenje: Woseka umkhosi ngoonyana benu. Abanye wobenza umkhosi weenqwelo, abanye babe ngumkhosi okhwela amahashe, abanye bagijime ngaphambi kwenqwelo yakhe.
12. Abanye boba ngabaphathi-mabutho, abanye babe ngabaphathi-maqela, abanye balime amasimi akhe, bavune nokuvuna, kubekho nabo baxhonkxa izikhali zokulwa kunye nezixhobo zeenqwelo zakhe.